Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Juni 15
“Akuvumelani nam xa ndisithi ukuqeqesha abantwana kulucelomngeni kweli hlabathi siphila kulo? [Mlinde aphendule.] Esi sibhalo siqinisekisa ukuba abazali banokuphumelela. [Funda IMizekeliso 22:6.] Le Mboniselo inamacebiso asengqiqweni okunceda abazali bahlangabezane nolu celomngeni.”
IMboniselo Julayi 1
“Ngamaxesha entlekele, abaninzi bayathandabuza enoba uThixo ubakhathalele ngokwenene na abantu nokuba uyayibona kusini na indlela ababandezeleka ngayo. Ngaba wakha wazibuza oku? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha indlela uThixo asixhalabele ngayo namhlanje namalungiselelo awenzileyo okuphelisa konke ukubandezeleka.” Funda uYohane 3:16.
Vukani! Julayi 8
“Bambi bavakalelwa kukuba akunakwenzeka ukuba abantu bakholelwe kuThixo. Kodwa ngaba ubusazi ukuba kukho izazinzulu ezithi inzululwazi ixhasa inkolelo yokuba uMdali ukho? [Mlinde aphendule.] Lo Vukani! uxubusha ngobungqina obubangela ukuba zifikelele kweso sigqibo.” Funda amaRoma 1:20.
“Kwabaninzi, iminyaka yeshumi elivisayo lixesha lolonwabo kwanocelomngeni, akuvumelani nam koku? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi lithetha ngotshintsho olwenzekayo kumntu ofikisayo. Lihlolisisa namacebiso obulumko anokubanceda bayisebenzise ngokuyingenelo iminyaka yabo yeshumi elivisayo.” Funda INtshumayeli 12:1.