UYehova Uyabanceda Abo Bakholosa Ngaye
1 Abantu abaninzi bajonga imali, igunya neziphiwo zemvelo njengoondoqo abasa empumelelweni. (INdu. 12:4; 33:16, 17; 49:6) Noko ke, abo bamoyikayo uYehova baze bakholose ngaye iBhayibhile iyabaqinisekisa ukuba “uluncedo lwabo nekhaka labo.” (INdu. 115:11) Makhe sixubushe iinkalo ezimbini ekufuneka sibonise ukukholosa ngoYehova kuzo.
2 Njengabalungiseleli AbangamaKristu: Nanini na sinesabelo sokufundisa ebandleni okanye kubulungiseleli basentsimini, simele sayame ngoThixo wethu. Khawuqwalasele umzekelo kaYesu. Nangona wayenguNyana kaThixo, akazange athembele kubulumko okanye kubuchule bakhe kodwa wakholosa ngoYise wasezulwini ngokupheleleyo. (Yoh. 12:49; 14:10) Sibeke phi ke thina? (IMize. 3:5-7) Yintsikelelo kaYehova kuphela enokwenza imigudu yethu engephi imzukise ize incede nabanye.—INdu. 127:1, 2.
3 Sibonisa ukukholosa kwethu ngoYehova ngokuthandazela ukhokelo lwakhe noncedo lomoya oyingcwele. (INdu. 105:4; Luka 11:13) Ukongezelela koko, sibonisa ukukholosa kwethu ngoThixo ngokusekela imfundiso yethu eLizwini lakhe, iBhayibhile. Isigidimi salo sinamandla okuchukumisa iintliziyo zabantu nokuguqula ubomi babo. (Heb. 4:12) Xa ‘silungiselela ngokwamandla esiwanikwe nguThixo,’ uYehova uyazukiswa.—1 Pet. 4:11.
4 Ukulungisa Iingxaki: Kufuneka sifune uncedo kuYehova xa sijamelene neengcinezelo neengxaki. (INdu. 46:1) Ngokomzekelo, umqeshi usenokuba mathidala ukusivumela siye endibanweni okanye sisenokuba nengxaki enkulu entsatsheni. Sibonisa ukuthembela kwethu ngoYehova ngokuthandaza kuye ngokunyanisekileyo nangokusebenzisa ulwalathiso asilungiselele lona ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe. (INdu. 62:8; 119:143, 173) Xa besenjenjalo abakhonzi bakaYehova bafumana uncedo lwakhe ebomini babo.—INdu. 37:5; 118:13, 16.
5 UYehova uyasiqinisekisa: “Isikelelwe indoda eyomeleleyo ekholosa ngoYehova, naleyo ithembele ngoYehova.” (Yer. 17:7) Ngamana singabonisa ukukholosa kwethu ngaye kuko konke esikwenzayo!—INdu. 146:5.