IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/04 iphe. 3
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Zuza KwiMboniselo NoVukani!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi Ethu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
km 7/04 iphe. 3

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Ifanele ifunyanwe njani imibhalo yobuqu yeMboniselo noVukani!?

Ekubeni kwixa elidluleyo kwatshitshiswa ilungiselelo lemirhumo yeMboniselo noVukani! eshicilelweyo nekwiikhasethi ngazo zonke iilwimi, bonke abavakalisi bafanele bafumane amaphephancwadi neekhasethi kwibandla labo. Umahluko uya kuba kumaphephancwadi eBraille nakwiikhasethi, kuba zithunyelwa ngaphandle kwentlawulo kwabo bafanelekayo. Ncedani niphawule ukuba amabandla asenokufaka izicelo zamaphephancwadi akwikhasethi kwifomu ethi Congregation Requests (M-202). Iilwimi zasemzini nohlelo olunamagama amakhulu nazo zifanele ziodolwe ngale fomu.

Ukuba kwintsimi yenu kukho umntu ofuna ukuziselwa amaphephancwadi rhoqo, ncedani niqinisekise ukuba niyakwenza oko ukuze angaphoswa nayinkupho enye. Abantu abasusiweyo kubudlelane banokuzifumanela amaphephancwadi noncwadi abaza kulusebenzisa kwiHolo yoBukumkani. Abantu abasusiweyo kubudlelane abafanele baqukwe kumzila wamaphephancwadi.

Imirhumo eza kuqhubeka nayo iofisi yesebe yeyabo bangenakuqukwa kumzila wamaphephancwadi wabavakalisi bebandla. Ukuba Ikomiti Yenkonzo Yebandla ifaka isicelo somrhumo somntu ongenayo enye indlela yokuzifumanela amaphephancwadi, unobhala ufanele abhale amagqabaza amafutshane aqinisekisa ukuba umrhumo lowo ugunyaziswe yiKomiti Yenkonzo Yebandla.

Oku kuthetha ukuba abavakalisi abafanele babhalele iofisi yesebe bezicelela imirhumo. Naziphi na izicelo zemirhumo ezenziwa ngabavakalisi okanye ngabantu abanomdla ziya kubuyiselwa ebandleni.

◼ Umntu osentolongweni angawafumana njani amaphephancwadi?

Ukuba ibandla elishumayela entolongweni livumelekile ukunika amabanjwa amaphephancwadi, ibanjwa ngalinye lifanele lizifumanele amaphephancwadi IMboniselo noVukani! kubavakalisi abatyeleleyo. Xa kungenakwenzeka oku, ibanjwa linokuzifumanela imirhumo ngokubhalela kwifosi yesebe. Ncedani niphawule ukuba namabanjwa akhutshelwe ngaphandle kobudlelane anokuzifumanela amaphephancwadi ngokuvisisana nolwalathiso olukwesi siqendu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share