Impinda Yendibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye
Lo mbandela uza kusetyenziswa ukubonisa oko siza kondliwa ngako kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye yonyaka wenkonzo wama-2005 uze usincede ekwenzeni impinda yocwangciso. Inqaku elikwiphepha 4 lesi sihlomelo elithi “Ilungiselelo Elitsha Lempinda Yocwangciso Lwendibano,” licacisa indlela emele isingathwe ngayo impinda. Xa kusenziwa impinda, labe kakuhle ixesha ukuze ibuzwe yonke le mibuzo. Impinda ifanele inikel’ ingqalelo kwindlela esimele siyisebenzise ngayo imfundiso esiyifumeneyo.
UCWANGCISO LWAKUSASA
1. Kutheni kuya kusiba yimfuneko ukuphulaphula uYehova? Kuthetha ntoni ukuphulaphula? (“Isizathu Sokuba Sifanele Siphulaphule ILizwi LikaYehova”)
2. Iintsapho zinokulugcina njani ucwangciso olufanelekileyo lwezinto zokomoya? (“Iintsapho Eziphulaphula ILizwi LikaTHixo Ngaphandle Kweziphazamiso”)
3. Abo bakwisiphaluka senu baye bawaxhakamfula njani amathuba abawafumanayo okunikel’ ubungqina obungacwangciswanga? (“Ukuzenzela Uzuko LukaThixo Zonke Izinto”)
4. Ziziphi izifundo esizifumana kumzekelo olumkisayo okumaHebhere isahluko 3 nesesi-4? UYehova uthetha nathi ngayiphi indlela namhlanje? (“Ukuphulaphula Xa UThixo Ethetha Kuyasilondoloza”)
5. Uzuze ntoni kwintetho yobhaptizo? (“Uzahlulelo Nobhaptizo”)
UCWANGCISO LWASEMVA KWEMINI
6. Yintoni esiyiphawulayo kuYesu ngoxa wayeselula, yaye yiyiphi indlela abawuxelisa ngayo umzekelo wakhe abaselula abakwisiphaluka sethu? (“Indlela Ulutsha Lwethu Olomelezwa Ngayo Kukuphulaphula ILizwi LikaThixo”)
7. Ziziphi iindlela abanokuqalisa ngazo abazali ukuqeqesha iimveku nabantwana abancinane ngeendlela zikaYehova? (“Iimveku Eziphulaphula UThixo Zize Zifunde”)
8. Ziziphi iinkalo ezikhethekileyo ekufuneka sinikel’ ingqalelo kuYehova, kuNyana wakhe ‘nakwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ kuzo? (Mat. 24:45) Kutheni kubalulekile ukuba senze oko? (“Qhubeka Unikela Ingqalelo Kwimfundiso Yobuthixo”)