Impinda Yendibano Yesiphaluka
Lo mbandela uza kusetyenziswa ukubonisa esikuqulathelwe yindibano yesiphaluka yonyaka wenkonzo wama-2005 uze usincede ekwenzeni impinda yocwangciso. Inqaku elikwiphepha 4 lesi sihlomelo elithi “Ilungiselelo Elitsha Lempinda Yocwangciso Lwendibano,” licacisa indlela emele isingathwe ngayo impinda. Xa kusenziwa impinda, labe kakuhle ixesha ukuze ibuzwe yonke le mibuzo. Impinda ifanele inikel’ ingqalelo kwindlela esimele siyisebenzise ngayo imfundiso esiyifumeneyo.
UCWANGCISO LWAKUSASA NGOSUKU LOKUQALA
1. Yintoni eya kusinceda sifumane ubulumko bukaThixo?
2. Yiyiphi imigudu abayenzileyo abo bakwisiphaluka senu ukuze bafikelele abantu abangakumbi ngeendaba ezilungileyo?
UCWANGCISO LWASEMVA KWEMINI NGOSUKU LOKUQALA
3. Kutheni kubalulekile ukuba amaKristu ahlale ehlambulukile ngaphakathi? Sinokukwenza njani oku?
4. Sinokuba noxolo njani nabazalwana bethu?
5. Kuthetha ukuthini ukuba nengqiqo, yaye sinokukubonisa njani kwindlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu?
6. Sifunda ntoni kumzekelo kaSawule noNowa? Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba ‘sikulungele ukuthobela’? (Yak. 3:17)
7. AmaKristu anokwenza njani ukuze angaphili ubomi obumbaxa?
8. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaPawulos xa sithetha ngobulumko bukaThixo?
UCWANGCISO LWAKUSASA NGOSUKU LWESIBINI
9. Kutheni simele silumke xa sikhetha izinto esizisukelayo, yaye yintoni eya kusinceda?
10. Yiyiphi imigudu abayenzayo abo bakwisiphaluka senu ukuze babekho rhoqo ezintlanganisweni, yaye baye bangenelwa njani ngokwenza oku?
11. Iintloko-ntsapho zinokuzakha njani iintsapho zazo?
12. Ziziphi iimfuno zesiphaluka eziziswe kwingqalelo yethu?
UCWANGCISO LWASEMVA KWEMINI NGOSUKU LWESIBINI
13. Yiyiphi imisebenzi yobulungisa eveliswa bubulumko obuvela phezulu echazwe kwintetho yesidlangalala?
14. Kutheni kububudenge ukuzithemba okanye ukuthembela kwabo bangakhokelwa bubulumko bukaThixo? Ziziphi iinkalo esimele siziphaphele?
15. Yiyiphi imigibe obusikhusela kuyo ubulumko bukaThixo?
16. Kutheni kubalulekile ukuba sisebenzise amacebiso esiwafumene kwindibano yesiphaluka?