IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/04 iphe. 4
  • Icandelo 3: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Icandelo 3: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Nikela Ingqalelo ‘Kubugcisa Bakho Bokufundisa’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Ukuqhuba Isifundo SeBhayibhile Sekhaya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
km 11/04 iphe. 4

Icandelo 3: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

Ukuzisebenzisa Kakuhle IZibhalo

1. Kutheni simele sizibethelele iZibhalo xa siqhuba izifundo zeBhayibhile?

1 Injongo yokuba siqhube izifundo zeBhayibhile “kukwenza abafundi” ngokunceda abantu baqonde baze bamkele iimfundiso zeLizwi likaThixo kwaye bazisebenzise ebomini babo. (Mat. 28:19, 20; 1 Tes. 2:13) Ngenxa yoko, isifundo sifanele sisekelwe eZibhalweni. Ekuqaleni, kusenokufuneka sibafundise indlela yokufumana iindinyana kwiiBhayibhile zabo. Singazisebenzisa njani iZibhalo ukuze zibancede benze inkqubela ngokomoya?

2. Sizazi njani iindinyana zeBhayibhile esimele sizifunde size sizixubushe?

2 Khetha iindinyana oza kuzifunda: Xa ulungiselela, khangela indlela isibhalo ngasinye esibonisiweyo esidibana ngayo nombandela, uze ugqibe ngezo uza kuzixubusha xa uqhuba isifundo. Ngokuqhelekileyo, sikhuthazwa ukuba sibafundele iZibhalo ezixhasa iimfundiso zethu. Kusenokungabi yimfuneko ukufunda izibhalo ezixubusha imvelaphi yeemfundiso ezithile. Nikela ingqalelo kwiimfuno nakwiimeko zomfundi ngamnye.

3. Kunceda njani ukubuza imibuzo, yaye sinokukwenza njani oku?

3 Sebenzisa imibuzo: Kunokuba uchazele isifundo sakho iindinyana zeBhayibhile, mayibe siso esikuchazelayo. Unokusikhuthaza ukuba senjenjalo ngokubuza imibuzo echuliweyo. Ukuba izicacele indlela esisebenza ngayo isibhalo, unokusibuza ukuba loo ndinyana ikuxhasa njani oko kuthethwa esiqendwini. Kwezinye iimeko, kusenokufuneka uthotho lwemibuzo ukuze isifundo sifikelele kwisigqibo esifanelekileyo. Ukuba kufuneka ingcaciso engakumbi, isenokwenziwa emva kokuba siphendule isifundo.

4. Kufuneka uzicacise kangakanani izibhalo enizifundayo?

4 Senze sibe lula: Umtoli ovunyiweyo usebenzisa utolo lube lunye kuphela ukuze ahlabanisele ixhoba. Ngendlela efanayo, umfundisi onobuchule akuyomfuneko ukuba athethe into eninzi ukuze avelise ingongoma. Unako ukudlulisela inkcazelo ngendlela elula, ecacileyo nechanileyo. Maxa wambi, kusenokufuneka uphande kwiimpapasho zamaKristu ukuze usiqonde isibhalo yaye ukwazi nokusicacisa ngendlela echanileyo. (2 Tim. 2:15) Kodwa musa ukuzama ukucacisa isolotya ngalinye lesibhalo xa uqhuba isifundo. Chaza oko kufunekayo kuphela ukuze ucacise loo ngongoma ixutyushwayo.

5, 6. Sinokuzinceda njani izifundo ziphile ngokuvisisana neLizwi likaThixo, kodwa yintoni esimele siyiphephe?

5 Mbonise indlela esisebenza ngayo: Xa kufanelekile, sincede isifundo sibone indlela ezisebenza ngayo iindinyana zeBhayibhile kubomi baso. Ngokomzekelo, xa uxubusha eyamaHebhere 10:24, 25 nesifundo esingekayi kwiintlanganiso zamaKristu, usenokuxubusha enye yeentlanganiso uze usimeme. Kodwa ungasinyanzeli. Vumela iLizwi likaThixo lisishukumisele ekubeni sithathe amanyathelo afunekayo ukuze sikholise uYehova.—Heb. 4:12.

6 Njengoko siphumeza uthumo lokwenza abafundi, ngamana ‘singakhuthaza intobelo ngokholo’ ngokuzisebenzisa ngobuchule iZibhalo.—Roma 16:26.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share