Ucwangciso Lwentsapho—Intsimi
1 UYehova uyayoliswa kukubona abaselula bedumisa igama lakhe. (INdu. 148:12, 13) Ngomhla kaYesu ‘kwaneentsana nabanyayo babemdumisa’ uThixo. (Mat. 21:15, 16) Kunjalo ke nanamhlanje. Bazali, ninokubanceda njani abantwana benu babe ngabadumisi abakhutheleyo bakaYehova entsimini bakukhula? Njengakwinkalo esiyixubushe ngasentla yeentlanganiso zebandla, nalapha undoqo ngumzekelo wenu. Omnye utata wathetha into abayivumayo abazali abaninzi esithi: “Abantwana abenzi into oyithethayo; benza into oyenzayo!”
2 Omnye udade okhuliswe ngabazali aboyika uThixo ukhumbula oku: “Sasingakhe sivuke kusasa ngoMgqibelo siyithandabuza into yokuba siyaya kusini na entsimini. Sasisazi ukuba siyaya.” Ngendlela efanayo, nani ninokuyibethelela kubantwana benu imbaluleka yokushumayela ngokukwenza umkhwa ukuya entsimini njengentsapho veki nganye. Oku akwaneli kunika abantwana benu ithuba lokufunda kuni kodwa kunenza nikwazi ukubona isimo sengqondo, isimilo nobuchule abanabo.
3 Ingqeqesho Eqhubekayo: Ukuze abantwana bayivuyele intsimi, kufuneka balungiselele kakuhle baze babe nenxaxheba. Udade ocatshulwe ngaphambilana wathi: “Sasingeyomisila esoloko ilandela abazali xa besiya entsimini. Sasisazi ukuba nathi sinenxaxheba, nokuba loo nxaxheba kukunkqonkqoza emnyango size sishiye isimemo. Ekubeni sasilungiselela ngenyameko rhoqo ngaphambi kokuba siye entsimini ngempela-veki, sasiyazi into esasiza kuyithetha.” Ninako ukubaqeqesha ngolo hlobo abantwana benu ngokuzipha imizuzu embalwa veki nganye ukuze nibalungiselele intsimi, enoba kusebudeni besifundo sentsapho okanye ngelinye ixesha.
4 Ukushumayela kunye njengentsapho kuninika ithuba lokubethelela inyaniso kubantwana benu. Omnye ubawo ongumKristu wayedla ngokuhamba nentwazana yakhe iikhilomitha ezilishumi besiya kuhambisa amaphecana kwenye ilali. Le ntombazana ithi: “Kusebudeni bezo zihlandlo awathi utata wayibethelela inyaniso entliziyweni yam.” (Dut. 6:7) Ngamana nani ningasikelelwa ngokwenza intsimi ibe yinxalenye yocwangciso lwentsapho lweveki.