IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/07 iphe. 4
  • Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Badumise UYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Badumise UYehova
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Ukunceda Abanye Banqule UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Qeqesha Abantwana Bakho Babe Ngabalungiseleli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 5/07 iphe. 4

Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Badumise UYehova

1. Ngaba abantwana banokumdumisa uYehova?

1 INdumiso 148:12, 13 ikhuthaza amakhwenkwe namantombazana ukuba ‘adumise igama likaYehova.’ IZibhalo ziqulethe imizekelo emininzi yabantwana abenza ngolo hlobo. Ngokomzekelo, “uSamuweli wayelungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe.” (1 Sam. 2:18) ‘Yayiyintombazana encinane’ eyaxelela umfazi kaNahaman ukuba umprofeti kaYehova wakwaSirayeli wayenokuliphilisa iqhenqa likaNahaman. (2 Kum. 5:1-3) Xa uYesu wangena etempileni waza wenza imisebenzi yamandla, “amakhwenkwe” adanduluka esithi: “Siyathandaza, sindisa uNyana kaDavide!” (Mat. 21:15) Abazali banokubafundisa njani abantwana ukuba badumise uYehova?

2. Kutheni kubalulekile ukuba abazali babamisele umzekelo omhle abantwana babo?

2 Fundisa Ngomzekelo: Ngaphambi kokuba oobawo abangamaSirayeli babethelele inyaniso kwiintliziyo zabantwana babo, bayalelwa ukuba baqale bathande uYehova baze babethelele imiyalelo yakhe kwiintliziyo zabo kuqala. (Dut. 6:5-9) Ukuba uyabakhuthaza ukuba bashumayele, kwaye uya veki nganye entsimini, nabantwana bakho baya kukubona ukubaluleka kwentsimi baze bayithande.

3. Omnye udade wafunda njani kumzekelo wabazali bakhe?

3 Omnye udade ukhumbula oku: “Ukukhula kwethu, ekhaya sasisiya entsimi ngazo zonke iimpela-veki. Ndandiyibona into yokuba abazali bam bayithanda ngokwenene intsimi. Sakhula siyijonga njengento emnandi.” Lo dade waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga xa wayeneminyaka esixhenxe ubudala yaye ngoku sele eneminyaka engama-33 ekwinkonzo yexesha elizeleyo.

4. Kuthetha ukuthini ukuqhubeka uqeqesha abantwana?

4 Qhubekani Nibaqeqesha: Babandakanyeni abantwana benu entsimini. Mhlawumbi nisenokuthi mabankqonkqoze emizini, banike umninimzi iphecana okanye bafunde isibhalo. Oku kuya kubenza banandiphe ukuba sentsimini kuze kubenze bazimisele ekwabelaneni nabanye ngesigidimi soBukumkani. Njengoko bekhula, baya kuba nesabelo ngakumbi entsimini. Ngenxa yoko, bancedeni ukuba benze inkqubela baze bazibekele usukelo lokomoya.

5. Yintoni efunekayo ukuze umntwana abe ngumvakalisi ongabhaptizwanga?

5 Xa ubona ukuba abantwana bakho bayakufanelekela ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga, yaye bayafuna, xelela abadala ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Ukuba ngumvakalisi kuya kumenza azive enembopheleleko yokudumisa uYehova. Nikhumbule ukuba akuyomfuneko yokuba umntwana abe nolwazi olulingana nolwabantu abadala ababhaptiziweyo ngaphambi kokuba afaneleke. Ngaba umntwana wenu uyaziqonda iimfundiso ezisiseko zeBhayibhile? Ngaba uphila ngemilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile? Ngaba uyafuna ukushumayela aze aziwe njengeNgqina likaYehova? Ukuba kunjalo, abadala banokummisela njengomvakalisi ongabhaptizwanga.—Bona incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphe. 79-82.

6. Kutheni kubalulekile ukuba abazali baqeqeshe abantwana babo?

6 Ukufundisa abantwana ukuba badumise uYehova ngokusuka ezintliziyweni zabo kufuna umgudu. Noko ke, ayikho into evuyisa abazali ngaphezu kokubona umntwana wabo esenza inkqubela yokomoya. Okubaluleke ngakumbi, kukuba uYehova uyavuya xa abantwana bethetha ngemisebenzi yakhe emangalisayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share