Hlakulela Umdla Ngomzila Wamaphephancwadi
1. Sinokuwusebenzisa njani umzila wamaphephancwadi ukuze sihlakulele umdla?
1 Abantu abaninzi esidibana nabo entsimini bayasamkela yaye baluthabatha ngokukhululekileyo uncwadi lwethu kodwa baba mathidala ukwamkela isifundo seBhayibhile esiqhutywa rhoqo. Enye indlela yokubenza babe nomdla kukubenzela umzila wamaphephancwadi. Xa uhambisa amaphephancwadi, bhala igama nedilesi yaloo mntu, usuku omnike ngalo, iinkupho omnike zona kunye nesibhalo ebenixubusha ngaso, nayo nantoni na oye wayiphawula ebonisa ukuba loo mntu unomdla. Njengoko kufika inkupho entsha, khangela iingongoma ezinokubangel’ umdla kwabo ubanika umzila wamaphephancwadi, uze ubalaselise zona xa ubatyelele. (1 Kor. 9:19-23) Ekuhambeni kwexesha, kusenokubakho into enokuvusa umdla wabo ize ibabangele ukuba bafune ukufunda okungakumbi.
2. Kutheni kubalulekile ukuba abantu bafune uYehova ngoku, yaye yiyiphi enye indlela esinokubanceda ngayo?
2 Sekunjalo, siyaqonda ukuba abantu abaninzi abanakukhonza uYehova kuba nje beye bazifundela amaphephancwadi. Ekubeni ngoku kungxamisekile ukuba abantu bafune uYehova, yiyiphi enye indlela esinokubanceda ngayo? (Zef. 2:2, 3; ISityhi. 14:6, 7) Sinokubenza babe nomdla ngokubafundela isibhalo esisikhethe kakuhle sihlandlo ngasinye sibaphathele amaphephancwadi.
3. (a) Sinokululungiselela njani ungcelele lweengxubusho ezenziwa ngesibhalo nje esinye? (b) Yiyiphi imibandela abayixhalabele ngokwenene abantu kwintsimi yenu?
3 Ukuxubusha NgeSibhalo Esinye: Cinga ngabo ubanika umzila wamaphephancwadi, uze ulungiselele ungcelele lweengxubusho ngesibhalo nje esinye ucinga ngeemfuno zakhe ngamnye. (Fil. 2:4) Ngokomzekelo, ukuba omnye usandul’ ukufelwa ngothile amthandayo, usenokubuyela kuye izihlandlo eziliqela ukuze nixubushe ngoko iBhayibhile ikutshoyo ngemeko yabafi nethemba lovuko. Unokusebenzisa umbandela okwincwadi Ukuqiqa phantsi komxholo omkhulu othi “Ukufa” nothi “Uvuko” xa ulungiselela ezi ngxubusho zenziwa ngesibhalo esinye. Iingxubusho ezongezelelekileyo ezithetha ngemibandela esondeleyo kule, efana nendlela okuya kupheliswa ngayo ukugula, ukwaluphala nokufa, zisenokuzizela kamva. Eyona njongo iphambili kukufumana umbandela anomdla kuwo umntu uze ngokuqhubekayo umbonise oko kuthethwa yiBhayibhile ngawo.
4. Kutheni kubalulekile ukunceda abanye basiqonde iSibhalo esithetha ngaso, yaye sinokukwenza njani oko?
4 Nceda Abanye Baqonde: Nangona kubalulekile ukuzenza lula yaye zibe mfutshane iingxubusho ezinjalo, kufuneka wenze okungakumbi kunokufunda nje eso sibhalo usikhethileyo. USathana uye wazimfamekisa iingqondo zabantu kwiindaba ezilungileyo. (2 Kor. 4:3, 4) Kwanabo baqheleneyo neBhayibhile kufuneka bancedwe ukuze bayiqonde. (IZe. 8:30, 31) Ngenxa yoko, zinike ixesha lokusicacisa isibhalo nokwenza umzekelo ngoko sikuthethayo, kanye njengokuba ubuza kwenza xa unikela intetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. (IZe. 17:3) Qiniseka ukuba loo mntu uyakubona ukusebenza kweLizwi likaThixo ebomini bakhe.
5. Umzila wamaphephancwadi unokuphumela njani ekubeni kuqhutywe isifundo seBhayibhile?
5 Ukuba umntu uyakuthanda oko akufundayo, ngokuthe ngcembe nabisa ingxubusho yenu ngokuthetha ngeZibhalo ezibini okanye ezithathu kutyelelo ngalunye. Zabalazela ukumnika incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo okanye incwadi ethi Ulwazi. Ngale ndlela, ekugqibeleni ukubuyela ngenjongo yokumnika amaphephancwadi kunokuphumela ekubeni kuqhutywe isifundo seBhayibhile.