IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/93 iphe. 3
  • Ilungelo Elihle Lenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ilungelo Elihle Lenkonzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi Ethu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • “Ukuhlwayela Imbewu YoBukumkani” Kwimizila Yamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Ukuba Nabantu Obanika Rhoqo Iimagazini Kukhokelela Kwizifundo ZeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Hambisa Amaphephancwadi Entsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 1/93 iphe. 3

Ilungelo Elihle Lenkonzo

1 Omnye umfundi wathi ufunde okungakumbi okuxabiseke ngokwenene kwiMboniselo noVukani! kunoko wayekufunde kwiminyaka emithandathu eyunivesithi. Kuqhelekile ukuba abafundi abanyanisekileyo bavakalise uxabiso oluvuyisayo emva kokufunda la maphephancwadi ithuba nje elifutshane. Elinjani lona ilungelo esinalo lokwabelana rhoqo ngamaphephancwadi ethu nabo bawaxabisa ngokwenyaniso!

2 Nangona abantu abaninzi benomdla othile enyanisweni, abahambelanga phambili ukusa kwinqanaba lokwamkela isifundo seBhayibhile sekhaya. Kodwa umdla wabo usenokuhlakulelwa ukuba uthile uyabuyela rhoqo nenkupho nganye entsha yeMboniselo noVukani! Ewe, ukuhambisa amaphephancwadi ngokuthembeka kumzila wamaphephancwadi kuye kwanceda ukushukumisela abantu ukuba ekugqibeleni bavume ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile rhoqo.

3 Siyangenelwa ngokobuqu ngokuba nomzila wamaphephancwadi ukuba siqala siwafunde amaphephancwadi size siphawule iingongoma ezithile eziya kubangel’ umdla ngokukhethekileyo kumntu ngamnye okuludwe lwethu.

4 Maxa wambi umninimzi usenokusinika umnikelo ongaphezu kwalowo ufunekayo. Kutheni ungamxeleli ukuba uza kumzisela iinkupho ezintsha emva kweeveki ezimbini? Esi isenokuba sisiqalo selinye ibuyelo lomzila wamaphephancwadi. Wonk’ ubani obonakalisa umdla kumaphephancwadi ethu ufanele aqukwe kuludwe lwakho lwamabuyelo omzila wamaphephancwadi. Ukuba umntu ubonakalisa umdla wokwenene xa esamkela amaphephancwadi, usenokumcacisela ukuba kubakho amanqaku abalaseleyo kumaphephancwadi ethu emva kweeveki ezimbini yaye umxelele ukuba uya kukuvuyela ukumzisela wona. Qinisekisa ukuba uyabuyela rhoqo, uwasebenzisa ngokunengenelo amathuba okuxubusha nomninimzi ngemibandela yeBhayibhile. Siqinisekile ukuba uya kulinandipha eli lungelo lihle lenkonzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share