Ucwangciso Olutsha LweNdibano Yesiphaluka
Kule mihla yokugqibela yehlabathi elidala nelonakeleyo, kubalulekile ukuba sihlale sambathe izambatho zethu zokomoya size silondoloze ubuntu bethu bobuKristu. (ISityhi. 16:15) Ngoko ke, umxholo wocwangciso lwendibano yesiphaluka yonyaka wenkonzo wama-2006 othi, “Yambathani Ubuntu Obutsha” ufanelekile.—Kol. 3:10.
Ngosuku Lokuqala: Ungcelele lweentetho lokuqala olunomxholo othi, “Ukubonakalisa Iinkalo Zobuntu Obutsha,” luya kubalaselisa indlela okuyingenelo ngayo ukuhlakulela ubuntu obutsha kuzo zonke iinkalo zobomi bethu. Sibuhlakulela njani ubuntu obutsha? Oko kuza kuxutyushwa kwiintetho ezimbini zokugqibela kusuku lokuqala ezinomxholo othi, “Ziqeqeshele Ukucamngca Ngendlela Efanelekileyo” nothi “Imfundo Esenza Sibe Ngabantu Abatsha.”
Ngosuku Lwesibini: Indlela ubuntu obutsha obuyiphembelela ngayo indlela esilisebenzisa ngayo ulwimi iza kuxutyushwa kungcelele lwesibini olunomxholo othi, “Ukuhlakulela Ulwimi Lwabalumkileyo.” Umxholo wentetho yesidlangalala othi, “Ngaba Uyamoyisa Ongendawo?” uza kubalaselisa isizathu sokuba kufuneka sihlale siwaphaphele amaqhinga kaSathana. Iintetho ezimbini zokuqukumbela le ndibano ezinomxholo othi, “Zigcine Ungenabala Kulo Ihlabathi” nothi “Menze Mtsha Mihla Le Umntu Esinguye Ngaphakathi,” ziya kusinceda siphephe isimo sengqondo nokuziphatha okungqubanayo neendlela zikaThixo zobulungisa size simnqule singagungqiswa nto.
Hayi indlela esikhangele ngamehlw’ abomvu ngayo kolu khuthazo lokwambatha ubuntu obutsha ngalo lonke ixesha!