Ucwangciso Lwendibano Yesiphaluka
Lo mbandela uza kusetyenziswa kucwangciso lweNtlanganiso Yenkonzo ngaphambi nasemva kokuba ibandla liye kwindibano yesiphaluka yonyaka wenkonzo wama-2006. Umveleli owongamelayo uya kulungiselela ukuba kuxutyushwe le nkcazelo ngendlela echazwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 2004, iphepha 4. Ebudeni bempinda, yonke imibuzo ifanele ibuzwe, kunikelwe ingqalelo kwindlela esinokuyisebenzisa ngayo inkcazelo eye yadluliselwa.
NGOSUKU LOKUQALA
1. Sibambatha njani ubuntu obutsha, yaye kutheni sifanele sibulondoloze?
2. Abanye baye balandisa njani ixesha abalichitha kumsebenzi wokushumayela?
3. Kutheni sifanele sikuphephe ukuzithelekisa nabanye?
4. Amalungu entsapho anokububonisa njani ubuntu obutsha ekhaya?
5. Sinokulixhasa njani ngokunyanisekileyo ibandla?
6. Kutheni kufuneka sibe nobuntu obutsha entsimini?
7. Kuquka ntoni ukucamngca ngendlela efanelekileyo, kwaye singenelwa njani ngokucamngca ngolo hlobo?
8. Ziziphi iimpawu eziya kusenza sithambe ezandleni zikaYehova?
NGOSUKU LWESIBINI
9. Kubaluleke kangakanani ukusebenzisa ulwimi ngendlela efanelekileyo?
10. Ziziphi iingenelo esizifumanayo ngokusebenzisa intetho eyakhayo kwabo sisebenza nabo, sifunda nabo nakwabanye?
11. Sinokusisebenzisa njani isiluleko sikaPawulos esikweyabase-Efese 4:25-32 xa siqhubana namanye amakholwa?
12. Yiyiphi eyona nto izukileyo esinokulisebenzisela yona ulwimi lwethu?
13. Yintoni esimele siyenze ukuze soyise ongendawo?
14. Kukwiziphi iinkalo apho kufuneka sizame ukuhlala singenabala kweli hlabathi?
15. Kutheni simele simenze mtsha mihla le umntu esinguye ngaphakathi, yaye sinokukwenza njani oko?
16. Sisiphi isiluleko sendibano yesiphaluka yalo nyaka oceba ukusisebenzisa?