Ucwangciso Olutsha Lwendibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye
Iliso liyilwe ngendlela emangalisayo. (INdu. 139:14) Kodwa, linokutsoliswa kwinto ibe nye ngexesha. Oku kunjalo ngokoqobo nangokomfuziselo. Ukuze sihlale sithe qwa ngokomoya, simele sinikel’ ingqalelo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Xa sicinga ngezinto eziphazamisayo eziya zithabath’ unyawo zeli hlabathi likaSathana, hayi indlela ofaneleke ngayo umxholo wocwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku yonyaka wenkonzo wama-2006 othi “Gcina Iliso Lakho Lingenakumbi.”—Mat. 6:22.
Sinokwenza ntoni ukuze sisikelelwe nguYehova? (IMize. 10:22) Lo mbuzo uza kuphendulwa kwintetho ethi “Fumana Iintsikelelo Ngokugcina Iliso Lingenakumbi.” Abantu ekuza kudliwan’ indlebe nabo baza kubalaselisa indlela esinokungenelwa ngayo xa sisebenzisa imigaqo yeZibhalo. Intetho yokuqala eza kunikelwa ngumzalwana otyeleleyo ethi, “Ukugcina Iliso Elingenakumbi Kweli Hlabathi Lingendawo,” iza kusilumkisa ngezinto ezinokwenza ubomi bethu buntsonkothe, zize ngokuthe ngcembe zisibulale ngokomoya. Kwakhona siza kufunda ngoko kubandakanyekileyo ekukhetheni “isahlulo esilungileyo.”—Luka 10:42.
Abazali nabanye banokuwakhuthaza njani amaKristu aselula ukuba anikele ingqalelo kwizinto zokomoya? Intetho ethi “Abazali Abazijolisa Kakuhle Iintolo Zabo” nethi “Ulutsha Olusukela Izinto Zokomoya” ziza kuquka oko kutshiwo ngabazali nabaselula ngokuphathelele lo mbuzo ubalulekileyo. (INdu. 127:4) Intetho yokuqukumbela eza kunikelwa ngumzalwana otyeleleyo iza kuchaza indlela esinokuhamba ngayo nentlangano kaYehova njengabantu ngabanye, njengeentsapho nanjengebandla.
Enoba sisandul’ ukungena enyanisweni okanye sele sikhonza uYehova kangangamashumi eminyaka, kubalulekile ukuba ‘sigcine iliso lingenakumbi.’ Ucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku luza kusinceda senze kanye oko.