IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/05 iphe. 1
  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Neliso Elibukhali

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Neliso Elibukhali
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Bhetyebhetye
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukuba Nomdla Kumntu Othetha Naye
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Nceda Umninimzi Aqiqe
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Yenza Izinto Zonke Ngenxa Yeendaba Ezilungileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 11/05 iphe. 1

Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Neliso Elibukhali

1 UYehova uThixo noKristu uYesu babalasele ekuboneni iintswelo zabantu nasekubancedeni. (2 Kron. 16:9; Marko 6:34) Xa sibona izinto abantu abanomdla kuzo nezibaxhalabisayo, sinokukwazi ukuvumelanisa intshumayelo yethu yeendaba ezilungileyo nezo meko.

2 Yiba Neliso Elibukhali: UYesu wayeneliso elibukhali. (Marko 12:41-43; Luka 19:1-6) Ngokufanayo, xa sisiya kwizindlu zabantu size sibone imihombiso yonqulo, izinto ezibhalwe kwiimoto zabo, okanye izinto zokudlala ngaphandle, sinokukwazi ukuvula amathuba okunikela ubungqina obuphumelelayo ngeendaba ezilungileyo.

3 Indlela umntu avakalelwa ngayo inokubonwa ebusweni. (IMize. 15:13) Kusenokwenzeka ukuba ufelwe ngumntu amthandayo okanye unengxaki ethile emkhathazayo, nto leyo ebangela ukuba afune intuthuzelo. Ukumfundela izibhalo ezifanelekileyo kunokuba luncedo. (IMize. 16:24) Ngaba umninimzi ungxamile kuba eza kuhamba okanye uphethe usana olulilayo? Ukuba kunjalo, kunokuba kuhle ukubuya ngelinye ixesha. Xa sinolwazelelelo ‘novelwano,’ sinokumenza loo mntu asiphulaphule xa siphinda sibuya.—1 Pet. 3:8.

4 Intshumayelo Yakho Mayivisisane Nemeko: Umpostile uPawulos wabona ukuba isixeko saseAthene sasinesibingelelo esibhalwe “Kongaziwayo uThixo.” Oku kwayichaphazela indlela awazishumayela ngayo iindaba ezilungileyo, kuba wathi: “Lowo nina nimnqula ningamazi, mna ndivakalisa yena kuni.” Indlela kaPawulos yokushumayela ngobuchule yabangela abathile basiphulaphula isigidimi soBukumkani baza baba ngamakholwa.—IZe. 17:23, 34, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

5 Ngokufanayo, ukuba neliso elibukhali kusinceda sibone izinto umntu anomdla kuzo size ngaloo ndlela sikwazi ukuvumelanisa intshumayelo yethu neemeko zakhe. Sebenzisa imibuzo enokwenza umninimzi achaze indlela avakalelwa ngayo. Cinga ngezibhalo ezinokusetyenziswa nezinokumenza abe nomdla. (IMize. 20:5) Ukuba neliso elibukhali nokuba nomdla wokwenene kwabanye kuya kusinceda sibe nobuchule ekushumayeleni iindaba ezilungileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share