Oko Kufezwa Bubulungiseleli Bethu
1. UYehova ubugqala njani ubulungiseleli bethu, yaye abantu basabela njani?
1 ILizwi likaThixo lichaza amaKristu njengakumngcelele woloyiso kwinkonzo kaYehova. (2 Kor. 2:14-16) Njengoko sifundisa ngolwazi lukaThixo, inkonzo esiyenzayo injengesiqhumiso esimnandi kuYehova. Abanye abantu batsalwa bubumnandi beendaba ezilungileyo; abanye bayazigatya. Kodwa isibakala sokuba inkoliso yabantu izigatya asithethi kuthi asinayo impumelelo kumsebenzi wethu. Makhe siqwalasele oko kufezwa bubulungiseleli bethu.
2. Ubulungiseleli bethu businika ithuba lokubonisa ntoni?
2 Buzukisa UYehova: USathana uthi abantu bakhonza uYehova kuba bezingca. (Yob. 1:9-11) Ubulungiseleli bamaKristu businika ithuba lokubonisa ukuba sizinikele ngokwenene kuThixo. Abavakalisi abaninzi baqhubeka bethobela umyalelo wokushumayela nowokwenza abafundi phezu kwazo nje iimeko zabo ezinzima nokungabi namdla kwabantu. Ukunyamezela ngokunyaniseka okunjalo kwenza intliziyo kaYehova ibe nemihlali!—IMize. 27:11.
3. Kutheni kubalulekile ukuba siqhubeke sivakalisa igama likaThixo nenjongo yakhe?
3 Kwakhona, ubulungiseleli bethu bunendima enkulu ekufezeni injongo kaThixo. Ngokuphathelele ukutshatyalaliswa kwehlabathi likaSathana, uYehova uthi: “Zazi iintlanga ukuba ndinguYehova.” (Hez. 39:7) Ukuze iintlanga zikwazi oku, kubalulekile ukuba abakhonzi bakaThixo baqhubeke bevakalisa igama lakhe nenjongo yakhe “kuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.”—ISityhi. 14:6, 7.
4. Umsebenzi wokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ubaluleke kangakanani ekugwetyweni kwabantu?
4 Bubalulekile Ekugwetyweni Kwabantu: Kwakhona ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kunceda ekugwetyweni kwabantu. Umpostile uPawulos wathi uKristu Yesu uya kuzisa impindezelo kwabo “bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu.” (2 Tes. 1:8, 9) Abantu baya kugwetywa ngokwendlela abasabela ngayo kwiindaba ezilungileyo. Eneneni oku kubeka imbopheleleko enkulu kubakhonzi bakaThixo. Ukuze siphephe ukuba netyala legazi, simele singayeki ukushumayela isigidimi soBukumkani esisindisa ubomi.—IZe. 20:26, 27.
5. Ubulungiseleli bethu buyibonakalisa njani inceba kaThixo?
5 Imigudu esiqhubeka siyenza ekuncedeni abamelwane bethu ukuze bakholise uThixo ibonisa ukuba uYehova unenceba. (1 Tim. 2:3, 4) Ekubeni sisazi ukuba ubomi babantu buhlala butshintsha, siya kubo ngokuphindaphindiweyo size sibabongoze ukuba bafune uYehova ngoxa ixesha lisavuma. Ngokwenjenjalo, sibonakalisa ‘imfesane kaThixo wethu,’ kuba “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.”—Luka 1:78; 2 Pet. 3:9.
6. Sizuza njani ngokuhlala sixakekile enkonzweni kaYehova?
6 Nathi Siyazuza: Ukuhlala sixakekile kwinkonzo kaYehova kuyasikhusela. Kusinceda sihlale ‘sibukhumbula ubukho bemini kaYehova’ size siphephe ukuzingcolisa ngezinto zale nkqubo ingendawo. (2 Pet. 3:11-14; Tito 2:11, 12) Ngoko ke, ngamana singahlala ‘siqinile, singabi nakushukuma, sisoloko sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi,’ sisazi ukuba imigudu yethu kubulungiseleli bobuKristu ayilolize.—1 Kor. 15:58.