IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/06 iphe. 1
  • ‘Qhubekani Nindilandela’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Qhubekani Nindilandela’
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Umele Uzincame?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Asisaziphileli
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Linganisa UYesu, Bakhathalele Uze Ubancede Abantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Landela UYesu Ngokuqhubekayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 5/06 iphe. 1

‘Qhubekani Nindilandela’

1 Abantu abaninzi bayathanda ukuzanelisa kodwa basoloko bengonwabanga. Ngokwahlukileyo, uYesu wakhuthaza ukuba siphe ngesisa ukuze sifumane ulonwabo lokwenene. (IZe. 20:35) Wathi: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame . . . aze aqhubeke endilandela.” (Mar. 8:34) Oku akuthethi nje ukuzibandeza uyolo oluthile maxa wambi. Kuthetha ukuphilela ukukholisa uYehova suku ngalunye, kungekhona iziqu zethu.—Roma 14:8; 15:3.

2 Cinga nje ngomzekelo kampostile uPawulos. Ngenxa “yexabiso eligqwesileyo lolwazi olungoKristu Yesu,” uPawulos wayeka ukufeza iminqweno yakhe waza wazinikela ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani. (Fil. 3:7, 8) Wathi: “Mna ke ndiya kuchulumanca kakhulu ukuba ndinokudleka ndize ndisetyenziswe ngokupheleleyo” ekukhonzeni abanye. (2 Kor. 12:15) Ngamnye kuthi ufanele azibuze: ‘Ndilisebenzisa njani ixesha, amandla nezinto endinazo? Ngaba ndinikela ingqalelo ekuzaneliseni, okanye ndizabalazela ukukholisa uYehova?’

3 Amathuba Okupha: Nyaka ngamnye abantu bakaThixo banikela ngaphezu kwamawaka ezigidi zeeyure kumsebenzi osindis’ ubomi wokushumayela ngoBukumkani. Ebandleni, abaselula nabakhulileyo benza izabelo ezininzi zokunceda abanye. Kukho nomsebenzi omninzi owenziwa ngokunxulumene neendibano ezinkulu nezincinane kwakunye nokwakhiwa nokunyanyekelwa kwezakhiwo ezisetyenziselwa unqulo lwenyaniso. Ibe cinga nje ngoncedo olunikelwa ngabazalwana abanothando abakhonza kwiiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele nakuMaqela Atyelela Abaguli. Yonke le migudu yokuzincama iyintsikelelo kubazalwana abasehlabathini lonke!—INdu. 110:3.

4 Amathuba okuba sincede ngeendlela ezahlukahlukeneyo anokuvela xa kukho intlekele okanye imo yongxamiseko. Amaxesha amaninzi sinokuqonda ukuba omnye umKristu ufuna ukuncedwa okanye ukukhuthazwa. (IMize. 17:17) Xa sisoloko sikulungele ukukhonza abanye size sihambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani, silandela umzekelo kaYesu. (Fil. 2:5-8) Ngamana singaqhubeka sisenjenjalo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share