Landela UYesu Ngokuqhubekayo
1 Ngesinye isihlandlo uYesu wathi: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame aze athabathe isibonda sakhe sentuthumbo yaye andilandele ngokuqhubekayo.” (Mat. 16:24) Ngokuqinisekileyo sifuna ukusabela ngokukhawuleza kula mazwi kaYesu. Makhe sihlolisise okubandakanyekileyo kwibinzana ngalinye lesimemo sakhe.
2 “Makazincame”: Xa sisahlulela ubomi bethu kuYehova, siyazincama. Intsingiselo esisiseko yegama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuzincama’ “kukuthi hayi.” Oko kuthetha ukuthi ngokuzithandela sincama amabhongo ethu, iminqweno, ubutofotofo neziyolo zokuzingca—njengoko sizimisele ukukholisa uYehova ngonaphakade kanaphakade.—Roma 14:8; 15:3.
3 “Athabathe Isibonda Sakhe Sentuthumbo”: Ubomi bomKristu bubomi bokuthwala isibonda sentuthumbo senkonzo yokuzincama kuYehova. Enye indlela onokubonakaliswa ngayo umoya wokuzincama kungokuzibhokoxa kubulungiseleli. Ukuza kuthi ga ngoku kulo nyaka, uninzi lwabavakalisi belunandipha umsebenzi wobuvulindlela bobuncedani. Mhlawumbi ungomnye wabo yaye unokulingqina elokuba iintsikelelo ozifumeneyo zikodlula lee ukuzincama okwenzileyo. Abo bangakwaziyo ukukhonza njengoovulindlela abangabancedani bebesoloko belungiselela ukuchitha ixesha elingakumbi kumsebenzi wokushumayela njengabavakalisi bebandla. Ukuze bakwazi ukwenjenjalo, wambi amabandla acwangcisela ukuqhuba iintlanganiso zawo zenkonzo yasentsimini kangangemizuzu embalwa ngaphambi kwexesha lesiqhelo. Abavakalisi abaninzi bayakuxabisa ukuba nexesha elide ukwenzela inkonzo yasentsimini. Kanti abanye baye banempumelelo kakhulu, xa begqiba ngokubuyela ‘kwezinye nje izindlu’ okanye ukusebenza ‘imizuzu nje embalwa eyongezelelekileyo.’
4 Enye indlela obonakaliswa ngayo umoya wokuzincama kungokuzibekela usukelo lobuqu. Ngokuceba ngenyameko nangokuhlengahlengisa ucwangciso lwabo, bambi baye baba ngoovulindlela abathe ngxi. Abanye baye bakwazi ukulungisa imicimbi yabo ukuze bangenele inkonzo yaseBheteli okanye eyobuvangeli basemazweni. Bambi baye bafudukela kwindawo apho kukho imfuneko enkulu yabavakalisi boBukumkani.
5 “Andilandele Ngokuqhubekayo”: Nangona abafundi bakaYesu bathubeleza kwiimvavanyo ezininzi, bakhuthazwa yinzondelelo nalunyamezelo lwakhe kubulungiseleli. (Yoh. 4:34) Babeziva behlaziyekile emoyeni bubukho bakhe nasisigidimi sakhe. Kungeso sizathu le nto abo babemlandela babebonakalisa uvuyo lokwenene. (Mat. 11:29) Nathi masikhuthazane ukuze sinyamezele kulo msebenzi ubaluleke gqitha wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi.
6 Kwanga xa sisonke singasabela ngokukhawuleza kwisimemo sikaYesu sokumlandela ngokuqhubekayo ngokuhlakulela umoya wokuzincama. Njengoko sisenjenjalo, siya kuba novuyo olukhulu ngoku yaye sinokukhangela phambili kwanakwiintsikelelo ezininzi kwixa elizayo.