Bancede Bazixabise Iimpawu Ezigqwesileyo ZikaYehova
1 Xa sishumayela naxa siqhuba izifundo, asaneli nje ukufundisa abantu inyaniso esisiseko yeBhayibhile. Siyabanceda bamazi uYehova kwaye bazixabise iimpawu zakhe ezigqwesileyo. Xa abanyanisekileyo befunda inyaniso ngoThixo, iba namandla kubo, ibenze baguqule ubomi babo ‘ukuze bahambe ngokumfaneleyo uYehova baze bamkholise ngokupheleleyo.’—Kol. 1:9, 10; 3:9, 10.
2 Incwadi Entsha Esiqhuba Ngayo Izifundo: Zisuka nje, incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile itsalel’ ingqalelo kwiimpawu zikaYehova. Isahluko sokuqala siphendula le mibuzo: Ngaba ngokwenene uThixo ukukhathalele?, Unjani uThixo?, Ngaba ndinokusondela kuThixo? Esi sahluko sikwabalaselisa ubungcwele bukaYehova (isiqe. 10), ukuthanda kwakhe okusesikweni nemfesane (isiqe. 11), uthando lwakhe (isiqe. 13), amandla akhe (isiqe. 16), inceba, ubabalo, ukulungela ukuxolela, umonde kunye nokunyaniseka kwakhe (isiqe. 19). Isiqendu 20 sishwankathela ngala mazwi: “Okukhona ufunda ngoYehova, kokukhona uya kumazi ngokobuqu yaye kokukhona uya kuba nesizathu esingakumbi sokumthanda uze uzive usondele kuye.”
3 Sinokuyisebenzisa njani incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ukuze sincede izifundo zeBhayibhile zisondele kuYehova? Emva kokuxubusha isiqendu esibalaselisa uphawu oluthile lukaThixo, sisenokubuza loo mntu simfundelayo oku, “Lukufundisa ntoni ngohlobo lomntu uYehova alulo?” okanye “Olu phawu lubonisa njani ukuba uThixo unomdla kuwe?” Xa siman’ ukubuza imibuzo elolu hlobo kwizifundo zethu, sizifundisa ukucamngca ngoko zikufundayo kwaye siyazinceda ukuba zizixabise nangakumbi iimpawu zikaYehova ezigqwesileyo.
4 Sebenzisa Ibhokisi Yempinda: Ekupheleni kwesahluko ngasinye, cela isifundo sakho sichaze ngamazwi aso ingongoma nganye ekwibhokisi ethi “Oko Kufundiswa YiBhayibhile.” Tsalela ingqalelo yaso kwizibhalo ezibonisiweyo. Ukuze siveze oko kusentliziyweni yaso, maxa wambi unokubuza, “Uvakalelwa njani ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngalo mba?” Xa usenjenjalo, akwaneli kugxininisa iingongoma eziziintloko zesahluko kuphela kodwa utsho wazi nezinto esizikholelwayo isifundo sakho. Loo nto iya kusinceda sakhe ubuhlobo noYehova.