IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • bhs iphe. 207-223
  • ISihlomelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ISihlomelo
  • Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Bancede Bazixabise Iimpawu Ezigqwesileyo ZikaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Sebenzisa Amandla Elizwi LikaThixo Kubulungiseleli Bakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • UBukumkani BukaThixo—Bubalasele Ngazo Zonke Iindlela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
bhs iphe. 207-223

ISIHLOMELO

1 UYEHOVA

Igama likaThixo nguYehova ibe laziwa njengelithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” UYehova nguThixo onamandla, ibe wadala zonke izinto. Unamandla okwenza nantoni na afuna ukuyenza.

NgesiHebhere, igama likaThixo lalibhalwe ngoonobumba abane. NgesiNgesi bamelwa ngoonobumba abane abathi YHWH okanye JHVH. Igama likaThixo livela phantse kayi-7 000 kwizibhalo zesiHebhere zokuqala. Emhlabeni wonke abantu abalibizi ngendlela efanayo igama likaYehova, balibiza ngendlela eqhelekileyo kulwimi lwabo.

▸ ISahl. 1, isiqe. 15

2 IBHAYIBHILE ‘IPHEFUMLELWE NGUTHIXO’

UThixo wasebenzisa abantu ukuba babhale iBhayibhile. Le nto iyafana nosomashishini ocela unobhala ukuba abhale ileta, emchazela izinto amele azibhale. UThixo wasebenzisa umoya oyingcwele ukuze achazele abantu ababhala iBhayibhile izinto abamele bazibhale. Lo moya wawusebenza ngeendlela ezahlukeneyo. Ngamanye amaxesha, wawubenza babone imibono okanye amaphupha baze babhale.

▸ ISahl. 2, isiqe. 5

3 IMIGAQO

Zizinto esizifunda eBhayibhileni ezicacisa inyaniso ethile. Ngokomzekelo, umgaqo othi “ukuba nabahlobo abangalunganga, konakalisa imikhwa elungileyo,” usifundisa ukuba singafunda izinto ezintle okanye ezimbi kubantu esisoloko sihleli nabo. (1 Korinte 15:33) Wona umgaqo othi “loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona” usifundisa ukuba siza kufumana imiphumo yezinto esizenzayo.​—Galati 6:7.

▸ ISahl. 2, isiqe. 12

4 ISIPROFETO

Ngumyalezo ovela kuThixo. Sisenokuba sicacisa into efunwa nguThixo, sifundisa ngendlela yokuziphatha, singumyalelo, okanye umgwebo. Sisenokuchaza nangento eza kwenzeka kwixesha elizayo. Zininzi iziprofeto eziseBhayibhileni ezisele zenzekile.

▸ ISahl. 2, isiqe. 13

5 IZIPROFETO EZITHETHA NGOMESIYA

Iziprofeto ezithetha ngoMesiya ziye zenzeka kuYesu. Funda ibhokisi ethi “Iziprofeto Ezithetha NgoMesiya.”

▸ ISahl. 2, isiqe. 17, umbhalo osemazantsi.

IZIPROFETO EZITHETHA NGOMESIYA

INTO EYENZEKAYO

ISIPROFETO

UKWENZEKA KWASO

Wazalelwa kwisizwe sakwaYuda

Genesis 49:10

Luka 3:23-33

Wazalwa yintombi enyulu

Isaya 7:14

Mateyu 1:18-25

Wayeyinzala kaKumkani uDavide

Isaya 9:7

Mateyu 1:1, 6-17

UYehova wathi uYesu nguNyana wakhe

INdumiso 2:7

Mateyu 3:17

Abantu abaninzi zange bakholelwe ukuba uYesu unguMesiya

Isaya 53:1

Yohane 12:37, 38

Wangena eYerusalem ekhwele idonki

Zekariya 9:9

Mateyu 21:1-9

Wajikelwa ngumhlobo wakhe osondeleyo

INdumiso 41:9

Yohane 13:18, 21-30

Wathengiswa ngamaqhosha esilivere ayi-30

Zekariya 11:12

Mateyu 26:14-16

Wathula xa wayetyholwa

Isaya 53:7

Mateyu 27:11-14

Kwenziwa amaqashiso ngeempahla zakhe

INdumiso 22:18

Mateyu 27:35

Kwahlekiswa ngaye xa wayesesibondeni

INdumiso 22:7, 8

Mateyu 27:39-43

Zange kophuke nelinye ithambo lakhe

INdumiso 34:20

Yohane 19:33, 36

Wangcwatywa nezityebi

Isaya 53:9

Mateyu 27:57-60

Wavuswa

INdumiso 16:10

IZenzo 2:24, 27

Wavuselwa ezulwini ukuze abe ngasekunene kukaThixo

INdumiso 110:1

IZenzo 7:55, 56

6 KWAKUTHENI UKUZE UTHIXO ADALE UMHLABA?

Xa wayedala umhlaba, uYehova wayefuna ube yiparadesi eza kuhlala abantu abamthandayo. Usafuna loo nto nangoku. Kungekudala uza kuphelisa izinto ezimbi baze abantu bakhe baphile ngonaphakade.

▸ ISahl. 3, isiqe. 1

7 USATHANA UMTYHOLI

USathana yingelosi eyenza abantu abamthobela uThixo. Ubizwa ngokuba nguSathana, igama elithetha “uMchasi,” kuba ulwa noYehova. Uphinda abizwe ngokuba nguMtyholi, igama elithetha “Umntu ongcolisa igama lomnye.” Ubizwa ngeli gama kuba uxoka ngoThixo aze aqhathe abantu.

▸ ISahl. 3, isiqe. 4

8 IINGELOSI

UYehova wayesele ezidalile iingelosi ukwenza kwakhe umhlaba. Zazidalelwe ukuhlala ezulwini. Kukho iingelosi ezingapha kwamawaka eemiliyoni. (Daniyeli 7:10) Zinamagama nobuntu obahlukileyo, ibe iingelosi ezithembekileyo azikufuni ukukhonzwa ngabantu. Zinezikhundla kunye nemisebenzi engafaniyo. Eminye yale misebenzi kukukhonza phambi kwetrone kaYehova, ukugqithisa imiyalezo yakhe, ukukhusela nokwalathisa abakhonzi bakhe abasemhlabeni, nokuxhasa umsebenzi wokushumayela. (INdumiso 34:7; ISityhilelo 14:6; 22:8, 9) Ziza kuncedisa uYesu xa esilwa imfazwe yeArmagedon.​—ISityhilelo 16:14, 16; 19:14, 15.

▸ ISahl. 3, isiqe. 5; ISahl. 10, isiqe. 1

9 ISONO

Isono yiyo nantoni na esiyicingayo okanye esiyenzayo, engathandwayo nguThixo. Ekuqaleni, uYehova wadala yonke into yagqibelela, kodwa xa uAdam noEva bakhetha ukungamthobeli baba nesono baza bayeka ukuba ngabantu abagqibeleleyo. Boluphala baza basweleka ibe kuba safumana isono kuAdam nathi sizalwa singagqibelelanga. Ngenxa yokuba uYehova eyazi ukuba isono sinokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakhe, usinike imithetho kunye nemigaqo esinceda singamoni ngabom.

▸ ISahl. 3, isiqe. 7; ISahl. 5, isiqe. 3

10 IARMAGEDON

Yimfazwe kaThixo aza kutshabalalisa ngayo ihlabathi likaSathana kunye nazo zonke izinto zalo ezimbi.

▸ ISahl. 3, Isiqe. 13; ISahl. 8, Isiqe. 18

11 UBUKUMKANI BUKATHIXO

UBukumkani BukaThixo ngurhulumente osezulwini. UKumkani wabo nguYesu Kristu. Ekuhambeni kwexesha, uYehova uza kusebenzisa bona ukuze aphelise zonke izinto ezimbi. UBukumkani BukaThixo buza kulawula umhlaba wonke.

▸ ISahl. 3, isiqe. 14

12 UYESU KRISTU

UThixo wadala uYesu ngaphambi kokuba adale ezinye izinto. UYesu wathunywa nguYehova emhlabeni ukuze azokufela bonke abantu. Emva kokuba ebulewe, uYehova wamvusa. Ngoku uYesu unguKumkani woBukumkani BukaThixo ibe ulawula ezulwini.

▸ ISahl. 4, isiqe. 2

13 ISIPROFETO SEEVEKI EZIYI-70

IBhayibhile yachaza kwakudala ukuba uMesiya uza kubonwa nini. Yathi uza kubonwa xa kuphela iiveki eziyi-69 ezaqala ngo-455 B.C.E. zaphela ngo-29 C.E.

Sazi njani ukuba ezi veki zaphela ngo-29 C.E.? Ezi veki ziyi-69 zaqala ngo-455 B.C.E. ukufika kukaNehemiya eYerusalem ezokuphinda akhe isixeko. (Daniyeli 9:25; Nehemiya 2:1, 5-8) Ngokuqhelekileyo, xa sithetha ngeveki sicinga ngeentsuku ezisixhenxe. Zona iiveki ezikwesi siprofeto ayizoveki ezineentsuku ezisixhenxe kodwa ziiveki ezinoonyaka abasixhenxe kuba kaloku iBhayibhile ithi “usuku luza kumela unyaka.” (Numeri 14:34; Hezekile 4:6) Le nto ithetha ukuba kwesi siprofeto iveki enye yiminyaka esixhenxe ibe iiveki eziyi-69 yiminyaka eyi-483 (69 x 7). Iminyaka eyi-483 eqala ngo-455 B.C.E. iphela ngo-29 C.E. NoYesu ke waba nguMesiya ngo-29 C.E. xa wayebhaptizwa.​—Luka 3:1, 2, 21, 22.

Esi siprofeto saphinda sathetha nangenye iveki okanye eminye iminyaka esixhenxe. Ingekapheli le minyaka isixhenxe, ngo-33 C.E., uMesiya wayeza kubulawa ibe ekuqaleni kuka-36 C.E., iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo zazingazokushunyayelwa kumaYuda qha kodwa nakwabanye abantu.​—Daniyeli 9:24-27.

▸ ISahl. 4, isiqe. 7

Chart: Isiprofeto seeveki ezisixhenxe esikuDaniyeli 9 sichaza ukuba uza kufika nini uMesiya

14 IBUBUXOKI IMFUNDISO YOKUBA UTHIXO UZIZIQU EZITHATHU

IBhayibhile isifundisa ukuba uYehova uThixo nguMdali, ibe wadala uYesu ngaphambi kokuba adale ezinye izinto. (Kolose 1:15, 16) UYesu akanguye uThixo uSomandla. Zange wazilinganisa noThixo. Endaweni yoko wathi: “UTata mkhulu kunam.” (Yohane 14:28; 1 Korinte 15:28) Kodwa ezinye iinkonzo zifundisa ukuba uThixo uneziqu ezithathu: nguYise, nguNyana, nomoya oyingcwele. Ayikho le nto eBhayibhileni, bubuxoki.

Umoya oyingcwele ngamandla uThixo awasebenzisayo ukuze enze ukuthanda kwakhe, awungomntu. Ngokomzekelo, amaKristu okuqala ‘afumana umoya oyingcwele’ ibe uYehova wathi: “Ndiza kuthulula umoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwabantu.”​—IZenzo 2:1-4, 17.

▸ ISahl. 4, isiqe. 12; ISahl. 15, isiqe. 17

15 UMNQAMLEZO

AmaKristu okwenene awawusebenzisi umnqamlezo xa ekhonza uThixo. Kutheni?

  1.  Iinkonzo zobuxoki kudala zawusebenzisa umnqamlezo. Ngexesha lakudala wawusetyenziswa ngabantu ababekhonza indalo nangabo babesenza izinto ezazisenziwa kwiiholide ezazinento yokuziphatha kakubi. Kwiminyaka eyi-300 yokuqala emva kokufa kukaYesu, amaKristu ayengawusebenzisi umnqamlezo xa ekhonza. Ekuhambeni kwexesha, uMlawuli waseRoma uConstantine wawenza waba yinto emela amaKristu. Umnqamlezo wawusetyenziswa ukuze abantu abaninzi bayithande inkonzo yamaKristu. Kodwa akho nto idibanisa umnqamlezo noYesu Kristu. INew Catholic Encyclopedia ithi: “Umnqamlezo wawusetyenziswa ngabantu ababephila ngaphambi kwexesha lamaKristu nangabantu ababengengomaKristu.”

  2.  UYesu zange afele emnqamlezweni. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “umnqamlezo” lithetha “isibonda,” “ipali,” okanye “umthi.” IThe Companion Bible ithi: “Akho nto [kwiTestamente Entsha] yesiGrike ethi kwadityaniswa iipali ezimbini.” UYesu wafa kwisibonda esime nkqo.

  3.  UYehova akafuni sisebenzise imifanekiso okanye izinto ezifana nomnqamlezo xa simkhonza.​—Eksodus 20:4, 5; 1 Korinte 10:14.

▸ ISahl. 5, isiqe. 12

16 ISIKHUMBUZO

UYesu wayelela abafundi bakhe ukuba benze iSikhumbuzo sokufa kwakhe. Le nto bayenza qho ngonyaka, ngoNisan 14, umhla amaSirayeli awayesenza ngawo iPasika. Kuhanjiswa isonka newayini ezimela umzimba negazi likaYesu kuye wonke umntu. Abantu abaza kulawula noYesu ezulwini bayasitya esi sonka baze basele newayini. Abo banethemba lokuphila ngonaphakade apha emhlabeni bayasihlonipha ibe bayaya kwiSikhumbuzo kodwa abasityi isonka okanye basele iwayini.

▸ ISahl. 5, isiqe. 21

17 UMPHEFUMLO

KwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha igama elithi “umphefumlo” lidla ngokubhekisela (1) emntwini, (2) kwisilwanyana, okanye (3) kubomi bomntu okanye obesilwanyana. Nantsi eminye imizekelo:

  • Umntu. ‘Ngomhla kaNowa . . . kwasinda abantu abambalwa emanzini, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo.’ (1 Petros 3:20) Apha igama elithi “umphefumlo” lithetha ngabantu​—uNowa nenkosikazi yakhe, oonyana bakhe abathathu nabafazi babo.

  • Isilwanyana. “UThixo wathi: ‘Amanzi makanyakazele izidalwa eziphilayo [“imiphefumlo ephilayo,” umbhalo osemazantsi], yaye izidalwa ezibhabhayo mazibhabhe phezu komhlaba, esibhakabhakeni samazulu.’ Emva koko uThixo wathi: ‘Umhlaba mawuvelise izidalwa eziphilayo [“imiphefumlo ephilayo,” umbhalo osemazantsi] ngokohlobo lwazo, izilwanyana zasekhaya, izilwanyana zasendle nezinye iintlobo zezilwanyana ngokohlobo lwazo.’ Kwaba njalo ke.”​—Genesis 1:20, 24.

  • Ubomi bomntu okanye obesilwanyana. UYehova wathi kuMoses: “Onke amadoda awayefuna ukukubulala [“awayezingela umphefumlo wakho,” umbhalo osemazantsi] afile.”​—Eksodus 4:19.

    Enye into, xa umntu esenza into ‘ngomphefumlo wakhe wonke,’ loo nto ithetha ukuba uyenza kuba efuna, ibe uyenza ngamandla akhe onke. (Mateyu 22:37; Duteronomi 6:5) Igama elithi “umphefumlo” lisenokusetyenziswa naxa kuthethwa ngomntu oswelekileyo okanye isidumbu.​—Numeri 6:6.

▸ ISahl. 6, isiqe. 5; ISahl. 15, isiqe. 17

18 UMOYA

Igama lesiHebhere nelesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “umoya” kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha linokuthetha izinto ezahlukeneyo. Kodwa lisoloko lithetha into engabonwayo ngabantu njengomoya otsho phandle okanye ophefumlwa ngabantu nezilwanyana. La magama anokusetyenziswa naxa kuthethwa ngeedemon nangomoya oyingcwele kaThixo. Loo moya uyingcwele ngamandla kaThixo asebenzayo. IBhayibhile ayifundisi ukuba kukho into eqhubeka iphila emva kokuba umntu eswelekile.​—Eksodus 35:21; INdumiso 104:29; Mateyu 12:43; Luka 11:13.

▸ ISahl. 6, isiqe. 5; ISahl. 15, isiqe. 17

19 IGEHENA

IGehena yayiyintlambo eyayingaseYerusalem ekwakutshiselwa kuyo inkunkuma. Akukho nto ibonisa ukuba izilwanyana okanye abantu babetshiswa bephila kule ntlambo ngexesha likaYesu. Ngoko iGehena ayondawo engabonakaliyo ekutshiselwa kuyo abantu abaswelekileyo ngonaphakade. Xa uYesu wayethetha ngomntu ophoselwa eGehena, wayesithi uza kutshatyalaliswa.​—Mateyu 5:22; 10:28.

▸ ISahl. 7, isiqe. 20

20 UMTHANDAZO WENKOSI

Lo ngumthandazo owenziwa nguYesu xa wayefundisa abafundi bakhe ukuthandaza. Uphinda ubizwe ngokuba nguBawo Wethu Osezulwini okanye umthandazo ongumzekelo. Ngokomzekelo, uYesu wathi masithi xa sithandaza:

  • “Malingcwaliswe igama lakho”

    Sithandazela ukuba uYehova acoce igama lakhe, okanye indlela aziwa ngayo kubo bonke ubuxoki. Le nto iza kwenza ukuba wonke umntu, ezulwini nasemhlabeni azukise aze ahlonele igama lakhe.

  • “Mabufike uBukumkani bakho”

    Sithandazela ukuba urhulumente kaThixo atshabalalise ihlabathi elikhohlakeleyo likaSathana, alawule umhlaba wonke aze awenze iparadesi.

  • “Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho”

    Sithandazela ukuba umhlaba ube yinto uThixo awayeyifuna ukuze kuhlale abantu abathobelayo nabangenasono ngonaphakade eparadesi, njengokuba wayefuna njalo xa wayedala abantu.

▸ ISahl. 8, isiqe. 2

21 UKUHLAWULELWA

UYehova wathumela uYesu ukuba asihlawulele ukuze asindise abantu esonweni nasekufeni. Kwakufuneka abantu behlawulelwe ukuze baphinde bafumane ubomi obungenasono obalahlwa nguAdam baze baphinde babe ngabahlobo bakaYehova. UThixo wathumela uYesu emhlabeni ukuze afele bonke abantu abanesono. Ngenxa yokufa kukaYesu, bonke abantu banethemba lokuphila ngonaphakade baze bangabi nasono.

▸ ISahl. 8, isiqe. 21; ISahl. 9, isiqe. 13

22 KUTHENI U-1914 EBALULEKE KAKHULU?

Isiprofeto esikuDaniyeli isahluko 4 sisifundisa ukuba uThixo wayeza kubeka uBukumkani bakhe ngo-1914.

Isiprofeto: UYehova wenza ukuba uKumkani uNebhukadenetsare aphuphe iphupha elalisisiprofeto. Waphupha umthi owagawulwayo. Isikhondo salo mthi sabotshwa ngentsimbi nangekopolo ukuze singakhuli ‘kangangamaxesha asixhenxe.’ Emva koko, lo mthi wawuza kuphinda ukhule.​—Daniyeli 4:1, 10-16.

Sithetha ntoni esi siprofeto kuthi: Lo mthi umela ulawulo lukaThixo. Kangangeminyaka emininzi, uYehova wayesebenzisa ookumkani eYerusalem ukuba balawule uhlanga lwakaSirayeli. (1 Kronike 29:23) Kodwa abo kumkani zange bathembeke, waza wabayekisa ukulawula. IYerusalem yatshatyalaliswa ngo-607 B.C.E. aza aqala amaxesha asixhenxe. (2 Kumkani 25:1, 8-10; Hezekile 21:25-27) Xa uYesu wathi ‘iYerusalem yayiza kunyathelwa ziintlanga lide liphele ixesha ezilinikiweyo,’ wayethetha ‘ngamaxesha asixhenxe.’ (Luka 21:24) Ngoko “amaxesha asixhenxe” zange aphele xa uYesu wayelapha emhlabeni, uYehova wathembisa ukuba uza kubeka uKumkani ekupheleni ‘kwamaxesha asixhenxe.’ Ulawulo lwalo Kumkani umtsha, uYesu, lwaluza kwenza abantu bakaThixo emhlabeni wonke basikelelwe ngonaphakade.​—Luka 1:30-33.

Athatha ixesha elingakanani “amaxesha asixhenxe”? “Amaxesha asixhenxe” athatha iminyaka eyi-2 520. Ukuba siqala ukuyibala le minyaka ngo-607 B.C.E., siphuma no-1914. Ngaloo nyaka uYehova wenza uYesu, onguMesiya, uKumkani woBukumkani BukaThixo ezulwini.

Simfumana njani u-2 520? IBhayibhile ithi amaxesha amathathu anehafu alingana neentsuku eziyi-1 260. (ISityhilelo 12:6, 14) Ngoko “amaxesha asixhenxe” ayaliphinda elo nani okanye aziintsuku eziyi-2 520 (1 260 x 2). Iintsuku eziyi-2 520 zilingana neminyaka eyi-2 520 ngenxa yomthetho osisiprofeto othi ‘usuku luba ngunyaka.’​—Numeri 14:34; Hezekile 4:6.

▸ ISahl. 8, isiqe. 23

Itshati yemihla nezinto ezenzekayo ezidibene nephupha likaNebhukadenetsare

23 UMIKAYELI UMPHATHI WEENGELOSI

Mnye qha “umphathi weengelosi” ekuthethwa ngaye eBhayibhileni ibe igama lakhe nguMikayeli.​—Daniyeli 12:1; Yuda 9.

NguMikayeli okhokela umkhosi kaThixo weengelosi ezithembekileyo. ISityhilelo 12:7 sithi: “UMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba . . . neengelosi zayo.” Incwadi yeSityhilelo ithi nguYesu okhokela umkhosi kaThixo, ngoko uMikayeli lelinye igama likaYesu.​—ISityhilelo 19:14-16.

▸ ISahl. 9, isiqe. 4

24 IMIHLA YOKUGQIBELA

Imihla yokugqibela lixesha ekuza kwenzeka ngalo izinto ezinkulu apha emhlabeni, ngaphambi nje kokuba uBukumkani BukaThixo butshabalalise ihlabathi likaSathana. Ezinye iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngeli xesha, zithi ‘kukupheliswa kwehlabathi,’ “nobukho boNyana womntu.” (Mateyu 24:3, 27, 37) ‘Imihla yokugqibela’ yaqala xa uBukumkani BukaThixo baqalisa ukulawula ezulwini ngo-1914, ibe iza kuphela xa ihlabathi likaSathana litshatyalaliswa ngeArmagedon.​—2 Timoti 3:1; 2 Petros 3:3.

▸ ISahl. 9, isiqe. 5

25 UVUKO

Xa uThixo ebuyisela umntu obeswelekile ebomini, kuthiwa luvuko. Bayi-9 abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abavuswayo. UEliya, uElisha, uYesu, uPetros, noPawulos bavusa abantu ababeswelekile. Le mimangaliso yenzeka ngenxa yamandla kaThixo. UYehova uthembisa ukuvusa abantu “abangamalungisa nabangengomalungisa” baze bahlale apha emhlabeni. (IZenzo 24:15) IBhayibhile ithetha nangabantu abaza kuvuselwa ezulwini. Le nto yenzeka xa abantu abakhethwe nguThixo bevuselwa ezulwini ukuze baphile noYesu.​—Yohane 5:28, 29; 11:25; Filipi 3:11; ISityhilelo 20:5, 6.

▸ ISahl. 9, isiqe. 13

26 UKUSEBENZISANA NEEDEMON (NEMIMOYA)

Ukusebenzisana needemon okanye imimoya kukuzama ukuthetha ngqo nabantu abaswelekileyo okanye uncedwa lixhwele, igqirha okanye umntu obona izinto ezingekenzeki. Abantu bayenza le nto kuba bekholelwa ubuxoki bokuba umphefumlo wabantu awufi xa umntu esweleka kodwa uba sisinyanya esinamandla. Iidemon zizama nokwenza abantu bangamthobeli uThixo. Ezinye iindlela zokusebenzisana needemon kukuvumisa ngeenkwenkwezi okanye ngezinye izinto, imilingo, ubugqwirha, neenkolelo zobuxoki. Iincwadi ezininzi, iimagazini, iimuvi neengoma zenza iidemon nemilingo zibe ngathi aziyongozi kodwa ziyonwabisa. Amasiko amaninzi enziwa xa kuswelekiwe njengokuphoswa komhlaba engcwabeni, ukutyhilwa kwelitye, ukuxhelelwa kwabantu abaswelekileyo, umlindo nokubuyisa umoya womntu oswelekileyo, kukusebenzisana needemon. Abantu badla ngokusebenzisa iziyobisi xa besebenzisana needemon.​—Galati 5:20; ISityhilelo 21:8.

▸ ISahl. 10, isiqe. 10; ISahl. 16, isiqe. 4

27 ILUNGELO LIKAYEHOVA LOKULAWULA

UYehova nguThixo uSomandla, ibe nguye owadala yonke indalo. (ISityhilelo 15:3) Yiloo nto zonke izinto izezakhe, kwaye enelungelo lokulawula okanye enegunya elipheleleyo, lokulawula yonke indalo yakhe. (INdumiso 24:1; Isaya 40:21-23; ISityhilelo 4:11) Yonke into ayidalileyo uyenzele imithetho. Unalo negunya lokwenza abanye abantu balawule. Xa simthanda uThixo size simthobele, sixhasa ilungelo lakhe lokulawula.​—1 Kronike 29:11.

▸ ISahl. 11, isiqe. 10

28 UKUQHOMFA

Ukuqhomfa kukubulala umntwana ongekazalwa ngabom. Ayonto yenzeka ngempazamo okanye eyenzeka ngokuzenzekelayo emzimbeni. Ukususela kwixesha umntwana akhawulwe ngalo, akaseyonto nje isemzimbeni kamama wakhe. Umntwana ungumntu.

▸ ISahl. 13, isiqe. 5

29 UKUTHIWA IGAZI

Le nto idla ngokwenziwa ukuze kunyangwe umntu. Kuthiwa okanye kufakwa igazi okanye enye yezinto ezine eziyila igazi emzimbeni womntu. Eli gazi lisuka emzimbeni womnye umntu okanye ibe ligazi ebeligciniwe. Ezi zinto zine ziyila igazi yiplasma, iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, neeplatelets.

▸ ISahl. 13, isiqe. 13

30 UKUQEQESHA

EBhayibhileni, igama elithi “ukuqeqesha” ayilogama nje elikwathetha ukohlwaya. Xa siqeqeshwa, siyayalelwa, sifundiswe size silungiswe. UYehova akabaphathi kakubi abantu xa ebaqeqesha, ibe akakhohlakelanga. (IMizekeliso 4:1, 2) UYehova ngumzekelo omhle kubazali. Indlela amqeqesha ngayo umntu isebenza kakhulu kangangokuba loo mntu uqeqeshwayo ude ayithande. (IMizekeliso 12:1) UYehova uyabathanda abantu bakhe, ibe uyabaqeqesha. Ubanika imiyalelo elungisa indlela ezingafanelekanga zokucinga, ibe loo nto ibanceda bafunde ukucinga nokwenza izinto ngendlela ayifunayo. Kubazali, ukuqeqesha kukwathetha ukunceda abantwana babo baqonde ukuba kutheni bemele bathobele. Kukwathetha nokubafundisa ukuba bathande uYehova, iLizwi lakhe, iBhayibhile, nokuqonda imigaqo yalo.

▸ ISahl. 14, isiqe. 13

31 IIDEMON

Zizidalwa ezingumoya ezingendawo, ezinamandla angaqhelekanga. Iidemon ziingelosi ezingendawo. Zaba zezingendawo xa zazenza iintshaba zikaThixo ngokuthi zingamthobeli. (Genesis 6:2; Yuda 6) Nazo zajikela uYehova kunye noSathana.​—Duteronomi 32:17; Luka 8:30; IZenzo 16:16; Yakobi 2:19.

▸ ISahl. 16, isiqe. 4

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share