Yintoni Eza Kuqala Kuwe?
1 Ubunokuwuphendula njani lo mbuzo? Ewe kona, sonke besingathanda ukubeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala. (Mat. 6:33) Kodwa sisenokuzibuza, ‘Ngaba ukhetho endilwenzayo lubonisa ukuba ndizibeka kwindawo yokuqala?’ IBhayibhile isikhuthaza ngala mazwi: “Hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.” (2 Kor. 13:5) Sinokuzicikida njani ukuze sibone enoba sibeka uBukumkani kwindawo yokuqala?
2 Ixesha Lethu: Simele siqale ngokuhlola indlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu. (Efe. 5:15, 16) Lingakanani ixesha esilichitha veki nganye sibuthile, sibukele umabonwakude, sisebenzisa i-Internet, okanye sisenza enye into esiyithandayo? Xa sinokubhala phantsi ixesha esilichitha kwezi zinto size silithelekise nexesha esilichitha kwizinto zokomoya, sinokumangaliswa koko sikufumanisayo. Ngaba sichitha iiyure ezininzi emsebenzini ngenjongo yokufumana ubunewunewu ngoxa siyityhalela bucala inkonzo engcwele? Kukangaphi sincama iintlanganiso zebandla okanye intsimi kuba sithabatha uhambo lokuzihlaziya ngeempelaveki?
3 Khetha Izinto Eziza Kuqala: Inkoliso yethu ayinaxesha laneleyo lokwenza zonke izinto ebingathanda ukuzenza. Ngoko ukuze sibeke izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala, kufuneka sizazi izinto eziza kuqala sandule ke sicwangcise ixesha lokwenza ‘izinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Fil. 1:10) Ezi zinto ziquka ukufunda iLizwi likaThixo, ukuya entsimini, ukunyamekela intsapho, nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. (INdu. 1:1, 2; Roma 10:13, 14; 1 Tim. 5:8; Heb. 10:24, 25) Ezinye izinto, ezinjengokwenza umthambo ngendlela elinganiselweyo nokuzihlaziya okufanelekileyo ziyingenelo. (Marko 6:31; 1 Tim. 4:8) Kodwa ke ekubeni zingabalulekanga kangako, zimele zigcinwe kwindawo yazo.
4 Omnye umzalwana oselula wazabalazela ukubeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala ngokungena kwinkonzo yexesha elizeleyo kunokuba afumane imfundo ephakamileyo eyayiza kumenza afumane impangelo. Wafunda olunye ulwimi waza wafudukela kwindawo apho kwakufuneka abavakalisi abangakumbi kuyo. Wathi: “Akusemnandi apha. Intsimi ihlaziya ngokwenene! Akwaba bonke abaselula bebenokwenza le nto ndiyenzayo ukuze bazivele. Ayikho into egqitha ukukhonza uYehova ngako konke esinako.” Ewe, ukubeka uBukumkani kwindawo yokuqala kuza neentsikelelo, kodwa okona kubaluleke nangakumbi kukuba, kuyamkholisa uBawo wethu osezulwini, uYehova.—Heb. 6:10.