“Unoyolo Umntu Oqhubeka Enyamezela Isilingo”
1 Onke amaKristu kufuneka ejamelene nezilingo. (2 Tim. 3:12) Izilingo zinokuquka impilo enkenenkene, iingxaki zoqoqosho, ukuhendwa, iintshutshiso okanye zize ngezinye iindlela ezininzi. Izilingo zikaSathana zisibangela ukuba siyekelele umxakatho, siyeke umsebenzi wethu wokushumayela njengamaKristu, okanye side siyeke ukukhonza uThixo. (Yobhi 1:9-11) Ukunyamezela izilingo kunokusibangela njani ukuba sonwabe?—2 Pet. 2:9.
2 Zilungiselele Izilingo: UYehova ulungiselele iLizwi lakhe lenyaniso, kuquka ingxelo engobomi neemfundiso zikaYesu. Ngokuphulaphula size senze oko kwathethwa nguYesu, sibeka isiseko esomeleleyo yaye sizilungiselela izilingo. (Luka 6:47-49) Kanti akho namanye amalungiselelo asomelezayo—abazalwana bethu abangamaKristu, iintlanganiso zebandla, neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezivela kudidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Simele sisisebenzise rhoqo isipho sikaThixo esingumthandazo.—Mat. 6:13.
3 UYehova usinika nethemba. Xa sisakha ukholo olomeleleyo kwizithembiso zikaYehova, ukholo lwethu luba ‘yiankile yomphefumlo, eqinisekileyo neqinileyo.’ (Heb. 6:19) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iinqanawa zazingalishiyi izibuko zingenaziankile, kwanokuba imozulu intle kangakanani na. Ukuba ngequbuliso kuvela uqhwithela, ukuthotywa kweankile kwakukhusela inqanawa ingayi kuntlitheka kunxweme olunamatye. Ngokufanayo, ukwakha ukholo kwizithembiso zikaThixo ngoku, kuya kusomeleza xa iinkqwithela zivela. Izilingo zinokuvela ngequbuliso. Nangona ukushumayela kukaPawulos noBharnabhas kwakuthandwa ekuqaleni ngabantu baseListra, imeko yatshintsha ngokukhawuleza xa kwavela abachasi abangamaYuda.—IZe. 14:8-19.
4 Ukunyamezela Kubangela Ulonwabo: Ukuqhubeka sizimisele ekushumayeleni nakuba sichaswa kusinika uxolo lwengqondo. Siba nemihlali xa sibalelwa ekuthini sifanele kukuhlaziswa ngenxa kaKristu. (IZe. 5:40, 41) Ukunyamezela izilingo kusenza sizibonise ngokupheleleyo iimpawu ezinjengokuthobeka, ukuthobela nonyamezelo. (Dut. 8:16; Heb. 5:8; Yak. 1:2, 3) Kusifundisa ukuthembela kuYehova, ukuba nokholo kwizithembiso zakhe, nokuthembela ngaye.—IMize. 18:10.
5 Siyazi ukuba izilingo zezexeshana. (2 Kor. 4:17, 18) Izilingo zisinika amathuba okubonisa ubunzulu bothando lwethu ngoYehova. Xa sizinyamezela, sinokuphendula izityholo zikaSathana. Ngenxa yoko, asinikezeli! “Unoyolo umntu oqhubeka enyamezela isilingo, ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi.”—Yak. 1:12.