Izinto Ezimele Zikhunjulwe Xa Kulungiselelwa ISikhumbuzo
Abadala bafanele bakhumbule ezi zinto zilandelayo xa belungiselela iSikhumbuzo:
◼ Qinisekani ukuba imifuziselo ayihanjiswa de kube semva kokutshona kwelanga.
◼ Kufanele kufunyanwe isonka newayini efanelekileyo zize zilungiswe kakuhle.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 2003 iphepha le-14 ukuya kwele-15.
◼ Iipleyiti, iiglasi zewayini, itafile kunye nelaphu letafile zifanele zibe seholweni yaye zilungiswe kwangethuba.
◼ IHolo yoBukumkani okanye indawo ekuza kuqhutywa kuyo le ntlanganiso ifanele icocwe kwangethuba.
◼ Abalindi kunye nabo baza kuhambisa imifuziselo bafanele bakhethwe baze bachazelwe kusengaphambili ngemisebenzi yabo, indlela abaza kuyenza ngayo, nento yokuba bafanele banxibe yaye bazilungise ngendlela endilisekileyo.
◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa imifuziselo kuye nawuphi na umthanjiswa ongaphilanga nongayi kukwazi ukubakho.
◼ Ukuba iHolo yoBukumkani iza kusetyenziswa ngamabandla aliqela, loo mabandla afanele asebenzisane ukuze kuphetshwe ukuxinana ezipasejini okanye kwiminyango yokungena, kwiindledlana zokuhamba nakwiindawo zokupaka iimoto.
◼ Ukuba niza kusebenzisa enye indawo yokuhlanganisana, qinisekani ukuba ninesandisi-lizwi esifanelekileyo ukuze abo bezileyo basive kakuhle isithethi.