Ukuba Noxabiso Ngentlawulelo Xa Sisesikhumbuzweni
1, 2. Ziziphi izizathu esinazo zokuba noxabiso xa sikhumbula intlawulelo?
1 AmaKristu ehlabathini jikelele aza kuhlanganisana emva kokutshona kwelanga ngoMgqibelo, Matshi 22, 2008, ukuze athobele umyalelo kaYesu Kristu othi akhumbule ukufa kwakhe. (Luka 22:19; 1 Kor. 11:23-26) Sithi sakucinga ngoko kwenzeka kwiminyaka eli-1 975 eyadlulayo, siyiqonde imfuneko yokuba sihlanganisane ngale njongo. Xa uYesu wagcina ingqibelelo kwanaxa wayebulawa kabuhlungu kwisibonda sentuthumbo, wangcwalisa igama likaYise, eluphendula ngeyona ndlela igqibeleleyo ungcikivo oluvela kuSathana.—Yobhi 1:11; IMize. 27:11.
2 Igazi elaphalazwayo likaYesu lawenza wasebenza umnqophiso omtsha, nabantu abangafezekanga batsho bakwazi ukuba ngoonyana bakaThixo abanethemba lokulawula noKristu kuBukumkani bakhe basezulwini. (Yer. 31:31-34; Marko 14:24) Ukongezelela koko, yatsho yacaca nendlela uThixo abathanda ngayo abantu xa wanikela ngonyana wakhe amthanda kunene ukuze abe lidini, ngendlela uYesu awayichazayo kuNikodemo.—Yoh. 3:16.
3. Baya kungenelwa njani abo beze eSikhumbuzweni?
3 Mema Abantu: UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari bucebise ukuba wenze uludwe lwabantu obaziyo uze unike ngamnye isimemo sakhe. Ngaba sele uqalisile ukumema abantu abakuludwe lwakho? Sele uwenza phofu amalungiselelo okuba negalelo kwiphulo eliza kuqalisa ngoMatshi 1 lokumema abantu ukuba beze eSikhumbuzweni? Abantu abezileyo baya kufumana inkcazelo evela kwiZibhalo enokubenza babe nokholo kwintlawulelo, baze bafumane ubomi obungunaphakade.—Roma 10:17.
4. Kutheni sifanele sifike kwangethuba eSikhumbuzweni?
4 Bonke abo bakwaziyo bafanele bacebe ukufika kwangethuba ukuze bamkele abantu abaye basabela kwisimemo esikhethekileyo. Ngenxa yokuba bebaninzi abantu abezayo eSikhumbuzweni, kubalulekile ukuba sibahoye abantu esiqala ukubabona kwakunye nabo sidla ngokubabona ezintlanganisweni ngamaxesha athile.
5. Unokwenza njani ukuze intliziyo yakho ilungele esi siganeko?
5 Lungisa Intliziyo Yakho: Incwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—Yowama-2008 kunye neKhalenda Yowama-2008 zinocwangciso lofundo lweBhayibhile olukhethekileyo lweSikhumbuzo oluza kuqalisa ngoMatshi 17. Ukufunda ngeziganeko ezibalulekileyo ezenzeka ngeentsuku zokugqibela zobomi bukaYesu balapha emhlabeni kuya kukunceda ukuze intliziyo yakho ilungele iSikhumbuzo. (Ezra 7:10) Ukucamngca ngezi ngxelo zeBhayibhile nokuthandaza kuya kusenza siluxabise nangakumbi uthando lukaYehova nolukaNyana wakhe abalubonakalise ngokulungiselela ukuba kubekho intlawulelo.—INdu. 143:5.
6. Siya kufumana ntoni xa siyixabisa intlawulelo?
6 Njengoko iSikhumbuzo sisondela, ngamana singazilungisa thina yaye sincede nabanye abantu ukuba balungele esi siganeko sibalulekileyo. Xa sikhumbula intlawulelo sinoxabiso siya kubuqinisa ubuhlobo bethu noYehova noNyana wakhe. (2 Kor. 5:14, 15) Kwakhona siya kutsho sibaxelise ngokuthanda abanye abantu ukusa kwinqanaba lokuba sizincame ngenxa yabo.—1 Yoh. 4:11.