IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/08 iphe. 6
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Ungabalibali Abo Bakumakhaya Anyamekela Abantu Abangaphilanga
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Asihlali Nabo Kodwa Asibalibali
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ukunyamekela Abalupheleyo—Ingxaki Eyandayo
    Vukani!—1991
  • Indima Ebalulekileyo Yabongikazi
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
km 4/08 iphe. 6

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Ngaba kufanelekile ukuba iNgqina likaYehova linyangwe okanye lihlale kwikhaya labalupheleyo eliphantsi konqulo oluthile?

Ziliqela iinkonzo ezinezibhedlele okanye ezinamakhaya abalupheleyo. Ngokuqhelekileyo, izibhedlele namakhaya alolu hlobo aziye zisetyenziselwe ukukhuthaza iBhabhiloni Enkulu ngokuphandle. (ISityhi. 18:2, 4) Zinokuba ekuqaleni zazenzelwe ukusebenzela unqulo oluthile ngenjongo yokufumana ingeniso. Namhlanje, ezinye izibhedlele zezonqulo ngegama nje kuphela, ngoxa kwezinye kusekho abefundisi kwizikhundla ezithile.

Ukuba iNgqina likaYehova lifuna isibhedlele okanye ikhaya labalupheleyo, linokuzenzela isigqibo enoba lifuna ukuya kwindawo ekusenokwenzeka ukuba inento yokwenza necawa ethile. Isazela selinye sinokulivumela ukuba lenjenjalo, kodwa eselinye singavumi. (1 Tim. 1:5) Zikho izinto ezinokubangela ubani afikelele kwisigqibo esithile kulo mba, ibe kuhle ukuziqwalasela.

Ngokomzekelo, eso sibhedlele okanye ikhaya labalupheleyo elinegama lonqulo lisenokuba lilo lodwa kuloo ndawo. Okanye ukuba likho elinye kufutshane, eli linegama lonqulo lisenokuba lelona laziwa ngokunikela inkonzo esemgangathweni. Kusenokwenzeka ukuba sesi sibhedlele sinegama lonqulo kuphela esinezixhobo zokunyanga isifo esithile, okanye kunokwenzeka ukuba kukuso kuphela apho ugqirha wakho okanye umtyandi wakho anokukwazi ukwenza umsebenzi wakhe khona. Kwakhona, izibhedlele ezinento yokwenza nonqulo zinokuyihlonela imbono yakho njengomKristu kumba wegazi, ngoxa ezinye izibhedlele ezingekho ngaphantsi korhulumente okanye ezikamasipala zisenokungazihloneli. Ezi zezinye zezinto onokucinga ngazo xa usenza isigqibo ngesibhedlele ofuna ukuya kuso.

Ukuba ugqiba kwelokuba usebenzise isibhedlele okanye ikhaya labalupheleyo elinento yokwenza nonqulo, xa uhlawula unokukujonga njengokuhlawulela inkonzo abakwenzele yona. Unokukujonga njengaxa unqulo oluthile luqhuba ishishini, xa uhlawulela inkonzo eyenziwa lelo shishini ubungayi kuba wenza umnikelo ongqalileyo nowokuzithandela oxhasa unqulo lobuxoki. Ubuya kuba uhlawulela loo nto uyithengayo okanye loo nkonzo bakwenzela yona.

Kakade ke, njengomKristu, kwiimeko ezinjalo umele uqiniseke ngokupheleleyo ukuba akubi nanxaxheba nakwisiphi na isenzo sonqulo lobuxoki. Kwaye akuyi kusebenzisa izibizo zonqulo ezinjengesithi “Father” okanye “Sister,” kuye nabani na osebenza okanye otyelela kuloo ndawo. (Mat. 23:9) Bekuya kufuneka uqiniseke ukuba eyona nto uyiyeleyo kukufumana unyango nenkonzo kuphela.

Xa ulaliswa kweso sibhedlele, bachazele ukuba uliNgqina likaYehova kwaye ungathanda ukutyelelwa ngabadala bebandla okulo. Loo nto iya kuqinisekisa ukuba ufumana inkxaso yokomoya efanelekileyo ngexesha olaliswe ngalo.—1 Tes. 5:14.

Amalungu entsapho akholwayo, abadala bebandla okulo, namanye amalungu ebandla afanele akuphaphele ukuhoya iimfuno zokomoya zabazalwana noodade abakhulileyo abahlala kumakhaya abalupheleyo, ngokukodwa xa loo makhaya ephantsi konqulo oluthile. Ukukukhuthalela ukwenjenjalo kuya kubakhuthaza kakhulu abo balupheleyo yaye kuya kubanceda bangaziboni sele befakwa kwiinkonzo, kwimibhiyozo okanye kwezinye izinto zonqulo ezenziwa kula makhaya bengaqondanga.

Ngamnye kuthi ufanele acinge ngezi ngongoma, acinge ngazo zonke iimeko ezibandakanyekileyo, aze azenzele isigqibo ngesibhedlele okanye ngekhaya elinyamekela abakhulileyo afuna ukulisebenzisa.—Gal. 6:5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share