Yonke indalo yayimanyene ibe iseluxolweni xa kwakulawula uThixo
Kutheni Sidinga UBukumkani BukaThixo?
Ekuqaleni komhlaba xa kwadalwa abantu, kwakukho uMlawuli omnye nje qha, uMdali wethu uYehova. Wenzela abantu zonke izinto kuba ebathanda. Wabenzela ikhaya elihle abaza kuhlala kulo ekuthiwa yiEden. Wabanika ukutya okuninzi, nomsebenzi ababewuvuyela. (Genesis 1:28, 29; 2:8, 15) Ngekusekho uxolo nangoku ukuba abantu babekhethe ukuqhubeka belawulwa nguThixo obathandayo.
Abantu bokuqala zange bafune ukulawulwa nguThixo
IBhayibhile isixelela ukuba ingelosi engathobeliyo eyabizwa ngokuba nguSathana uMtyholi yathi uThixo akakwazi kulawula. Yathi abantu bangaphila kamnandi kakhulu ukuba banokuyeka ukulawulwa nguThixo. Into ebuhlungu kukuba, abazali bethu bokuqala uAdam noEva bammamela uSathana, baza nabo bayeka ukuthobela uThixo.—Genesis 3:1-6; ISityhilelo 12:9.
Kuba uAdam noEva bengazange bafune ukulawulwa nguThixo, balahlekelwa likhaya labo eliyiParadesi nethemba lokuphila qete ubomi obungenasiphelo. (Genesis 3:17-19) Olu khetho lwachaphazela nabantwana ababa nabo. Ngenxa yokuba uAdam wonayo, iBhayibhile ithi, “isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono.” (Roma 5:12) Nantsi enye ingxaki ebangelwe sisono: “Lonke ixesha umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.” (INtshumayeli 8:9) Ngamanye amazwi, xa abantu belawula abanye, kusoloko kubakho iingxaki.
ABANTU BAQALISA UKULAWULA
UNimrodi wavukela uYehova
IBhayibhile isixelela ukuba umntu wokuqala ukulawula emhlabeni nguNimrodi. Naye wayengafuni nokulubona ulawulo lukaYehova. Ukususela ngelo xesha, abantu baye balisebenzisa kakubi igunya abanalo, babaphatha kakubi abantu. Kwiminyaka eyi-3 000 eyadlulayo, uKumkani uSolomon wathi: “Ndazibona iinyembezi zabo bacinezelwayo, yaye kwakungekho mntu ubathuthuzelayo. Abantu ababacinezelayo babenamandla.”—INtshumayeli 4:1.
Sisekuloo ngxaki ke nakule mihla. Ngo-2009, incwadi yeZizwe Ezimanyeneyo yathi, “enye yezinto ezibangela kubekho iingxaki ezininzi kangaka kule mihla,” kuyabonakala ukuba ngabantu abalawula kakubi.
IXESHA LOTSHINTSHO!
Umhlaba wonke udinga abalawuli ababhetele norhulumente obhetele. Yiloo nto kanye uMdali wethu asithembise yona!
Noorhulumente abathenjiweyo abakwazanga ukulungisa iingxaki ezinkulu zabantu
UThixo wenze uBukumkani (urhulumente) obuza kususa bonke oorhulumente babantu ibe buza kuhlala “bukho ngonaphakade.” (Daniyeli 2:44) Bobu Bukumkani ke iimiliyoni zabantu ezibuthandazelayo. (Mateyu 6:9, 10) Kodwa ke, uThixo akazi kulawula ngokwakhe. Ukhethe uMlawuli owayekhe wangumntu. Ngubani lowo?