Fundisa Ngendlela Elula
1. Yiyiphi inkalo ebalulekileyo yokufundisa ngendlela ecacileyo nephumelelayo?
1 Ukufundisa ngendlela elula kuyeyona ndlela isebenzayo ekufundiseni. Ukuhlolisisa indlela uMfundisi Omkhulu, uYesu, awafundisa ngayo kungasinceda siphucule ‘ubugcisa bethu bokufundisa.’—2 Tim. 4:2; Yoh. 13:13.
2. Yintoni ebandakanyekileyo ekufundiseni ngendlela elula, yaye ukufundisa ngolo hlobo kunaziphi iziphumo?
2 Thetha Ngendlela Elula: INtshumayelo Yasentabeni inezona nyaniso zinzulu zakha zathethwa ngumntu, zonke zithethwe ngendlela elula. (Mat., isahlu. 5-7) Izihlwele ezaziphulaphule uYesu ‘zathi khamnqa yindlela yakhe yokufundisa.’ Amagosa awayethunywe ukuba ambambe athi: “Akuzange kubekho omnye umntu othetha njengalo.” (Mat. 7:28, 29; Yoh. 7:46) Akuyomfuneko ukuba sisebenzise amagama amakhulu, amabinzana aquzayo, okanye imizekeliso ecacisayo ukuze inyaniso ifikelele iintliziyo zabantu. Inyaniso inokucaciswa ngokusebenzisa amagama aqhelekileyo.
3. Kutheni abanye abantu bethanda ukubangxala ngenkcazelo eninzi abaphulaphuli babo, yaye oku kunokuphetshwa njani?
3 Linganisa Oko Ukufundisayo: UYesu wayeye ajonge abaphulaphuli bakhe ukuze agqibe ngomlinganiselo wenkcazelo awayefanele awudlulisele kubo. (Yoh. 16:12) Sifanele sibe neliso yaye sibe bhetyebhetye kule nkalo, ingakumbi xa sishumayela kwizalamane, kubantu abanomdla, okanye abantwana. Sifanele silumke singabangxali ngenkcazelo eninzi kwanokuba babonakala bephulaphule ngomdla. Abo bantliziyo zinyanisekileyo baya kuqhubeka bengenisa ulwazi ngoThixo oyinyaniso, uYehova.—Yoh. 17:3; 1 Kor. 3:6.
4. Kutheni kuyingenelo ukunikela ingqalelo kwiingongoma eziyintloko kuneenkcukacha?
4 Nikela Ingqalelo Kwiingongoma Eziyintloko: UYesu akazange akwenze kube nzima oko wayekufundisa ngokuchaza iinkcukacha ezininzi. Xa wathi: ‘Bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuphuma,’ kwakungeloxesha lokuba anikele inkcazelo eninzi ngokuba babeya kuphelela phi abo bavusiweyo. (Yoh. 5:28, 29) Xa siqhuba izifundo zeBhayibhile, kufuneka sinikele ingqalelo kwiingongoma eziyintloko, silwe notyekelo lokuthetha ngezinto ezingekho kwingxubusho.
5. Ziziphi iintsikelelo esinokuzifumana xa sifundisa ngendlela elula?
5 Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba uYehova eye wasifundisa ngendlela elula oko kufuneka sikwazi! (Mat. 11:25) Ngamana singafundisa ngendlela elula size sifumane uvuyo lokuphumelela entsimini.