IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/12 iphe. 1
  • Amacebiso Amathathu Okuphucula Indlela Ofundisa Ngayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amacebiso Amathathu Okuphucula Indlela Ofundisa Ngayo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Xelisa UMfundisi Omkhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Fundisa Ngendlela Elula
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Fundisa Ngengqiqo Nokweyisela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • “Wayengathethi Kubo Ngaphandle Kwangomzekeliso”
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
km 4/12 iphe. 1

Amacebiso Amathathu Okuphucula Indlela Ofundisa Ngayo

1. Kutheni simele sifune ukuphucula indlela esifundisa ngayo?

1 Bonke abavakalisi abangamaKristu bayafundisa. Enoba sidibana nomntu okokuqala, siyabuyela okanye siqhuba isifundo seBhayibhile, injongo yethu kukumfundisa. Inkcazelo esiyidluliselayo ikhethekile. Sikhanyisela abantu ‘ngemibhalo engcwele,’ enokubanika “ubulumko obusa elusindisweni.” (2 Tim. 3:15) Lilungelo elingathethekiyo elo! Nanga amacebiso amathathu anokusinceda siphucule indlela esifundisa ngayo.

2. Sinokufundisa njani ngendlela elula?

2 Ukufundisa ngendlela elula: Xa siwazi kakuhle umbandela othile, sinokuyilibala indlela onokuntsonkotha ngayo kumntu ongawaziyo. Ngoko xa uqhuba isifundo, musa ukusingxala ngeenkcukacha ezininzi ezingabalulekanga. Kunoko, balaselisa iingongoma ezibalulekileyo. Ukuthetha into eninzi akuthethi kuthi uyakwazi ukufundisa. (IMize. 10:19) Ngokuqhelekileyo, kuba kuhle xa ufunda izibhalo eziyintloko kuphela. Emva kokuba ufunde isibhalo, phuhlisa kuphela inxalenye yombhalo ethetha ngombandela eniwuxubushayo. INtshumayelo yaseNtabeni, ebhalwe kuMateyu isahluko sesi-5 ukusa kwesesi-7, ineenyaniso ezibalulekileyo, kodwa uYesu wasebenzisa amazwi ambalwa akhethwe kakuhle efundisa ngendlela elula.

3. Ibaluleke kangakanani imizekeliso yaye yimizekeliso enjani edla ngokusebenza?

3 Imizekeliso: Imizekeliso ichukumisa intliziyo, ixhokonxa iingcinga ize isincede singalibali. Ungaze ucinge ukuba umele ukwazi ukubalisa ukuze ube nemizekeliso emihle. UYesu wayedla ngokusebenzisa imizekeliso emifutshane nelula. (Mat. 7:3-5; 18:2-4) Unokude usebenzise imifanekiso elula ezotywe kwiphetshana. Xa ulungiselele kakuhle, unokuba nemizekeliso esebenzayo.

4. Sinokuyisebenzisa njani imibuzo ngendlela ephumelelayo?

4 Imibuzo: Imibuzo ibangela ukuba lo mntu umfundelayo acinge. Ngoko emva kokuba ubuze umbuzo, yiba nomonde. Ukuba ukhawulezisa uwuphendule ngokwakho umbuzo, akunakukwazi ukuba umfundi wakho unolwazi olungakanani. Ukuba impendulo yakhe ayichananga, kunokuba umlungise, sebenzisa eminye imibuzo eza kumkhokelela kwimpendulo echanileyo. (Mat. 17:24-27) Kakade ke, akakho kuthi ofundisa ngendlela egqibeleleyo. Yiloo nto ebangela ukuba iBhayibhile isikhuthaze ukuba sinikele ingqalelo kwindlela esifundisa ngayo. Xa sikwenza oko, siya kungenelwa ngonaphakade kunye nabo basiphulaphulayo.—1 Tim. 4:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share