Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Oktobha 1
“Abantu abaninzi namhlanje abasakholelwa kuMdali. Ucinga ukuba yintoni ebangela oko? [Mlinde aphendule.] Ezi ndinyana zisinika isizathu esinokuba ngunobangela woko. [Funda uHabhakuki 1:2, 3.] Eli nqaku liphendula imibuzo ngoThixo eye yabangela abantu ukuba baphelelwe lukholo kuye.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 11.
Vukani! Oktobha
“Ngaba akuvumi ukuba iintsapho zijamelene neengxali ezininzi namhlanje? [Mlinde aphendule.] Abantu abaninzi abalazi icebiso elisebenzisekayo elifumaneka eBhayibhileni. Nank’ umzekelo. [Funda isibhalo esikwiphephancwadi.] Le nkupho ikhethekileyo kaVukani! ibonisa indlela imigaqo yeBhayibhile engazinceda ngayo iintsapho zijamelane neengxaki ezahlukahlukeneyo.”
IMboniselo Novemba 1
“Ngaba yonke imfundiso yeecawa isekelwe eBhayibhileni? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile iyasilumkisa ukuba singalahlekiswa bubuxoki. [Funda eyabaseKolose 2:8.] Eli phephancwadi lichaza iimfundiso eziqhelekileyo ezintandathu ezingqubanayo neLizwi likaThixo.”
Vukani! Novemba
“Izinto ezifana neselfowuni nekhompyutha ziye zayinto yobomi bemihla ngemihla. Ngaba ucinga ukuba ukusetyenziswa kobugcisa konga ixesha okanye kuyalichitha? [Mlinde aphendule.] Abantu abaninzi bangavumelana nolu khuthazo lokuba kusetyenziswe ixesha ngobulumko. [Funda eyabase-Efese 5:15, 16.] Eli phephancwadi lixubusha iindlela esingabusebenzisa ngayo ubugcisa ngendlela elungeleleneyo nenolwazelelo.”