Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Meyi 1
“Ihlabathi beliya kwahluka njani ukuba bonke abantu bebelandela la mazwi kaYesu? [Funda uMateyu 7:12. Emva koko mlinde aphendule.] Eli nqaku lixubusha ezinye zeemfundiso zikaYesu ezibonisa oko kubandakanyekileyo ekubeni ngumKristu.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 16.
Vukani! Meyi
“Ngaba ucinga ukuba uqoqosho luza kuba bhetele? [Mlinde aphendule.] Abantu abaninzi abayiqondi into yokuba iBhayibhile inokusinceda kumaxesha anzima kangaka. [Funda isibhalo esikwinqaku.] Eli nqaku libonisa indlela amacebiso eBhayibhile anokusinceda ngayo kumaxesha anzima kuqoqosho.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 18.
IMboniselo Juni 1
“Ngokwahlukileyo kumaxesha adluleyo, iicawa ezininzi azisathethi ngesono. Ngaba ukholelwa ukuba ingcamango yesono ngundalashe, okanye yinto esifanele sizixhalabise ngayo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda eyabaseRoma 5:12.] Eli phephancwadi libonisa oko iBhayibhile ikutshoyo ngesono.”
Vukani! Juni
“Kubonakala ukuba ubomi buya busiba nzima ngakumbi. Ngaba uyavumelana nam? [Mlinde aphendule.] Abantu abaninzi bakholelwa ukuba la mazwi asinika isizathu sokuba kubekho iingxaki ezingaka. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1.] Eli nqaku lixubusha indlela uxinezeleko olusichaphazela ngayo. Kwakhona lisinika amacebiso okulawula uxinezeleko.”