Ngaba Uyazilazila?
Uzilazila ukwenza ntoni? Ukuzalisa ikhadi leDPA (durable power of attorney) elenzelwe amaNgqina abhaptiziweyo. Ekubeni ‘ungakwazi oko ubomi bakho buya kuba kuko ngomso,’ kubalulekile ukuba wenze isigqibo ngonyango nangeendlela zokunyanga oza kuzamkela xa kuvela ingozi, uze uzibhale phantsi. (Yak. 4:14; IZe. 15:28, 29) Ividiyo ethi Transfusion-Alternative Health Care—Meeting Patient Needs and Rights yenzelwe ukukunceda kulo mba. Yibukele usebenzisa le mibuzo ingezantsi uze uthandaze.—Phawula: Ekubeni le vidiyo ineendawo apho kuboniswa abantu abatyandwayo, abazali bafanele balumke xa beyibukela nabantwana babo abancinane.
(1) Kutheni abezonyango bekuhlola ngokutsha ukutofelwa kwegazi? (2) Chaza imizekelo ibe mithathu yotyando olunzima olunokwenziwa ngaphandle kokutofelwa igazi. (3) Bangaphi oogqirha nabatyandi ehlabathini abaye bavuma ukunyanga abantu ngaphandle kokubatofela igazi? Kutheni bevuma nje? (4) Yintoni etyhilwe luhlolisiso olwenziwe kwizibhedlele kutshanje ngokusetyenziswa kwegazi? (5) Ziziphi iingozi ezinxulunyaniswa nokutofelwa igazi? (6) Ziziphi izigqibo eziye zafikelela kuzo iingcali ngokuphathelele ezinye iindlela zonyango ezingasebenzisi utofelo-gazi? (7) Ubangelwa yintoni umlambo (anemia)? Abantu banokuwunyamezela ukusa kuwuphi umlinganiselo? Yintoni enokwenziwa ukuze kuhlangatyezwane nawo? (8) Yintoni enokwenziwa ukuze umzimba womguli uvelise iiseli ezibomvu ezingakumbi? (9) Ngawaphi amacebo asetyenziswayo ukuze kuthintelwe ukopha kakhulu ebudeni botyando? (10) Ngaba iindlela zonyango ezingasebenzisi utofelo-gazi zinokusebenza kubantwana abancinane okanye kubantu abagula kakhulu? (11) Nguwuphi omnye wemigaqo ephambili yonyango olusemagqabini? (12)Kutheni kubalulekile ukuba amaKristu azikhethe kusengaphambili iindlela zonyango aza kuzamkela? Sinokukwenza njani oko?
Ukwamkela naluphi na unyango oluboniswe kule vidiyo kuxhomekeke kwisigqibo ubani azenzele sona esiqhutywa sisazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Ngaba sele usenzile isigqibo esicacileyo ngokuphathelele unyango neendlela zokunyanga oya kuzamkela kuwe nakubantwana bakho, waza wayibhala loo nto kwikhadi lakho leDPA? Ukuze ufumane ingcombolo epheleleyo ngalo mba, funda ngocoselelo isahluko 7 sencwadi ethi “Uthando LukaThixo” neembekiselo ezikuyo. Bona nesihlomelo esithi “Ndifanele Ndizijonge Njani Izinto Ezitsalwe Egazini Neendlela Zokunyanga Ezisebenzisa Igazi Lam?” esikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2007. Ekugqibeleni, qiniseka ukuba loo nto uyikhethileyo uyidlulisela kwikhadi leDPA. Abameli obakhethileyo kunye namalungu entsapho yakho angengomaNgqina afanele achazelwe kakuhle ngokhetho olwenzileyo.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
• Ngaba sele usenzile isigqibo ngonyango nangeendlela zokunyanga oya kuzamkela wena nabantwana bakho?
• Ngaba uliphethe ikhadi lakho leDPA elizalisiweyo ukwenzela xa kunokuvela ingozi?