IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/11 iphe. 2
  • Ngaba Uyalwazi Unyango Oza Kulukhetha?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyalwazi Unyango Oza Kulukhetha?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Uyalwazi Ukhetho Olubekwe Phambi Kwakho?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Olona Nyango Lukumgangatho Ophezulu—Luluphi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Ngaba Uyazilazila?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Ngaba Uyazilazila?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 1/11 iphe. 2

Ngaba Uyalwazi Unyango Oza Kulukhetha?

Ehlabathini lonke aya esanda amaziko onyango asebenzisa utyando olwenziwa ngaphandle kokutofelwa igazi. Ngaba uyazazi iintlobo ezikhoyo zonyango olungatofeli gazi omele ukhethe kuzo? Kufuneka ulwazi olu khetho ukuze usazi kakuhle isigqibo osenzayo kwizinto eziphathelele unyango notyando. Bukela ividiyo ethi No Blood—Medicine Meets the Challenge. Emva koko, sithandazele isigqibo oza kusenza uze uhlole oko ukufundileyo usebenzisa le mibuzo ingezantsi.—Phawula: Ngenxa yokuba le vidiyo ibonisa imifanekiso yabantu abatyandwayo, abazali bafanele bagqibe enoba banokuyibukela nabantwana babo abancinane kusini na.

(1) Sisiphi isizathu esingundoqo sokuba amaNgqina kaYehova angavumi ukutofelwa igazi? (2) Kumbandela wezonyango, yintoni ayinqwenelayo amaNgqina kaYehova? (3) Liliphi ilungelo elibalulekileyo analo umguli? (4) Kutheni kusengqiqweni yaye kufanelekile ukukhetha iindlela zokunyanga ezingasebenzisi utofelo-gazi? (5) Xa uye wopha kakhulu, ziziphi izinto ezimbini ezingundoqo abafanele bazenze oogqirha? (6) Yiyiphi imigaqo emine yeendlela zokunyanga ezingasebenzisi utofelo-gazi? (7) Oogqirha banokwenza njani (a) ukuze banciphise ukopha, (b) ukuze balandoloze iiseli ezibomvu zegazi, (c) ukuze bancedise umzimba uvelise igazi elingakumbi, nokuze (d) babuyisele igazi elophileyo? (8) Chaza inkqubo ebizwa ngokuba (a) yihemodilution (b) yicell salvage. (9) Yintoni ofanele uyibuze ngalo naluphi na unyango olungasebenzisi utofelo-gazi? (10) Ngaba utyando olukhulu noluntsonkothileyo lunokwenziwa ngaphandle kotofelo-gazi? (11) Yiyiphi into encumisayo eye yenziwa ngabezonyango?

Ukwamkela naluphi na unyango oluboniswe kule vidiyo kuxhomekeke kwisigqibo ubani azenzele sona esiqhutywa sisazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Ngaba sele usenzile isigqibo esicacileyo ngokuphathelele unyango neendlela zokunyanga oya kuzamkela wena nabantwana bakho, waza wasibhala kwikhadi lakho elitsha elithi Advance Medical Directive (AMD)a? Ukuba ufuna ingcombolo ngalo mba, funda ngocoselelo “Imibuzo Evela Kubafundi” ekwiMboniselo kaJuni 15, 2004, nekaOktobha 15, 2000. Emva koko sebenzisa amaphepha akwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2007, esithi, “Ndifanele Ndizijonge Njani Izinto Ezitsalwe Egazini Neendlela Zokunyanga Ezisebenzisa Igazi Lam?,” ukuze ukwazi ukuzenzela isigqibo ngezinto oya kuzamkela nongayi kuzamkela. Ekugqibeleni, qinisekisa ukuba loo nto uyikhethileyo uyibhala kwikhadi lakho leAMD. Abameli obakhethileyo kunye namalungu entsapho yakho angengomaNgqina afanele achazelwe kakuhle ngokhetho olwenzileyo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kwamanye amazwe, kwiimpapasho zethu, nakwiWatchtower Library, eli khadi lisabizwa ngokuba yiDPA (durable power of attorney).

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share