Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Januwari 1
“Ngaba ucinga ukuba ihlabathi ngeliyindawo elunge ngakumbi ukuba abantu bebephila ngalo mgaqo weBhayibhile? [Funda eyabaseRoma 12:18. Mlinde aphendule.] Ngaba wakha wazibuza ukuba, kwakutheni ukuze uThixo mandulo ayalele abantu bakhe ukuba balwe ngamaxesha athile? Eli nqaku lichaza impendulo yeBhayibhile ecacileyo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 13.
Vukani! Januwari
Funda IZenzo 17:31a. Emva koko yithi: “Kubantu abaninzi, kwaukuva nje ngeMini Yomgwebo kuyoyikisa. Wena uvakalelwa njani ngayo? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile ifundisa ukuba iMini Yomgwebo iza kuzisa iintsikelo ezininzi emhlabeni. Eli nqaku liyacacisa.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 10.
IMboniselo Februwari 1
“Abantu abaninzi banethemba lokuya ezulwini xa befile. Ngaba nawe uvakalelwa njalo? [Mlinde aphendule.] Phawula oko iBhayibhile ithi kuya kuba ngumvuzo woninzi lwabantu abalungileyo. [Funda INdumiso 37:29.] Eli phephancwadi lihlola oko iBhayibhile ikutshoyo ngabo baza kuya ezulwini noko baza kukwenza khona.”
Vukani! Februwari
“Uqhawulo-mtshato luqheleke kakhulu namhlanje. Ngaba izibini ezitshatileyo zizihlola zonke izinto ezibandakanyekileyo ngaphambi kokuba zigqibe ekubeni ziqhawule umtshato? [Mlinde aphendule. Funda IMizekeliso 14:15.] Eli phephancwadi libalaselisa izinto ezine izibini ezitshatileyo ezifanele zicinge ngazo xa ziceba ukuqhawula umtshato.”