IBhokisi Yemibuzo
◼ Ngaba amaNgqina kaYehova afanele asasaze izinto ezirekhodiweyo okanye iintetho ezikhutshelweyo?
Iintetho zeBhayibhile ziyasikhuthaza zize zisomeleze. (IZe. 15:32) Ngoko ke, kuyinto eqhelekileyo ukufuna ukuchazela abo bebengekho ngenkcazelo ekhuthazayo. Ekubeni zininzi izixhobo zokurekhoda, intetho inokurekhodwa ngoku ize isasazwe ngokuqhwanyaza kweliso. Abanye baye bagcina iintetho ezirekhodiweyo, kuquka iintetho ezanikelwa kwiminyaka emininzi eyadlulayo, baza babolekisa okanye bazipha abahlobo babo, beneenjongo ezintle ke phofu. Abanye baye bazenzela iiWebhusayithi ukuze bafake iintetho baze abanye bazifumane.
Akukho ngxaki xa sirekhoda iintetho ukuze sizisebenzise thina okanye amalungu eentsapho zethu. Ukongezelela koko, abadala banokulungiselela ukuba kurekhodwe iintetho ukuze amalungu ebandla abuthathaka nangakwaziyo ukuza ezintlanganisweni akwazi ukuziphulaphula. Noko ke, kukho izizathu ezivakalayo zokuba singasasazi iintetho ezikhutshelweyo okanye ezirekhodiweyo.
Ekubeni iintetho zinikelwa kucingwa ngeemfuno zasekuhlaleni, kunokuba lula ukuba siziqonde phosakeleyo iingongoma zazo, ekubeni singazazi iimeko zokunikelwa kwazo. Ukongezelela koko, kuya kuba nzima ukuba siqinisekise ukuba ngubani obenikela loo ntetho yaye nini, ukuze siqiniseke ukuba loo nkcazelo isexesheni kwaye ichanile. (Luka 1:1-4) Kwakhona, ukusasaza iintetho ezikhutshelweyo okanye iintetho ezirekhodiweyo kusenokuhenda abanye ukuba banikele okanye bamkele ingqalelo nodumo olungafanelekanga.—1 Kor. 3:5-7.
Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lisebenza nzima ukuze lilungiselele ukutya kokomoya ‘ngomlinganiselo’ ‘nangexesha elifanelekileyo.’ (Luka 12:42) Oku kuquka ilungiselelo lokuba kunikelwe iintetho kumabandla asekuhlaleni amaNgqina kaYehova nezinto ezirekhodiweyo ezifumaneka kwiWebhusayithi esemthethweni ethi jw.org. Sinokuqiniseka ukuba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi neQumrhu Elilawulayo lalo liya kusinika oko sikufunayo ukuze somelele elukholweni.—IZe. 16:4, 5.