Indlela Yokusebenzisa Izinto Ezirekhodiweyo
1. Ngaphandle kweencwadi ezibhaliweyo, liliphi elinye ilungiselelo esinalo?
1 Abaninzi bayakuthanda ukusebenzisa u-jw.org ukuze bafunde amazwi ayolisayo nachanileyo enyaniso. (INtshu. 12:10) Noko ke, ngaba sowuzimamele izinto ezirekhodiweyo? Ezi zinto zenza kube lula ukumamela inkcazelo eninzi ekwiwebhsayithi yethu. Izinto ezirekhodiweyo zingasinceda njani?
2. Singazisebenzisa njani izinto ezirekhodiweyo kufundisiso lwethu lobuqu okanye olwentsapho?
2 Ufundisiso Lwethu Lobuqu Okanye Olwentsapho: Ukumamela iBhayibhile erekhodiweyo, iimagazini ngoxa sisendleleni okanye sisenza imisetyenzana yethu, kungasinceda silisebenzise kakuhle ixesha lethu. (Efe. 5:15, 16) Ngamanye amaxesha sinokuzimamela izinto ezirekhodiweyo kunqulo lwethu lwentsapho ngoxa sijonge kwezethu iikopi. Ukusebenzisa izinto ezirekhodiweyo xa sifundisisa, kungasinceda siphucule indlela esifunda ngayo okanye kusincede ekufundeni ulwimi.
3. Kwintsimi yethu ngoobani abanokuncedakala zizinto ezirekhodiweyo?
3 Entsimini: Abantu kwintsimi yethu abangenalo ixesha lokufunda, bangakuvuyela ukumamela izinto ezirekhodiweyo. Okanye singadibana nabantu abangathethi ulwimi lwethu nabangakuvuyela ukuva ngeendaba ezilungileyo ‘ngolwimi lwabo.’ (IZe. 2:6-8) Ukanti, kwezinye iindawo, ukumamela yeyona nto ibalulekileyo ebantwini. Ngokomzekelo, abantu baseHmong imbali yabo bayidlulisela kwizizukulwana ngokuyibalisa ibe izizukulwana ziyigcina lula into eziyixelelwayo. Kanti uninzi lwabantu baseAfrika luyathanda ukufunda ngokubaliselwa.
4. Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona ngokunceda abantu bentsimi yethu?
4 Kwintsimi yethu, ngaba kungaluncedo ukudlalela umninimzi izinto ezirekhodiweyo ngolwimi lwakhe? Ngaba umntu angancedakala kwimpapasho erekhodiweyo endimthumelele yona ndisebenzisa ie-mail? Ngaba ndingakwazi ukukhuphelela umninimzi impapasho erekhodiweyo kwiCD ndize ndimnike kunye neprintiweyo? Nayiphi na incwadi erekhodiweyo, incwadana, iphecana, okanye imagazini esiyinika umntu entsimini singayibhala kwingxelo yentsimi. Izinto ezirekhodiweyo zenzelwe ukuba zisincede kufundisiso lwethu nokuba sityale ngazo imbewu yenyaniso.—1 Kor. 3:6.