IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/10 iphe. 4-6
  • Iindibano ZeSithili—Ixesha Lokukhonza Ngovuyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iindibano ZeSithili—Ixesha Lokukhonza Ngovuyo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • IiNdibano Zethu ZeSithili—Ubungqina Obunamandla Benyaniso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Isihlandlo Sokondliwa Ngokomoya Nesokuba Nemihlali
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Ngaba Usilungele Isidlo Sokomoya?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iintsuku Ezintathu Zokuhlaziywa Ngokomoya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
km 7/10 iphe. 4-6

Iindibano ZeSithili—Ixesha Lokukhonza Ngovuyo

1. Imisitho yamaSirayeli ifana njani neendibano zethu zesithili?

1 UYosefu, uMariya, abantwana babo kunye nabanye babesoloko besiya kumsitho owawusenziwa kanye ngonyaka eYerusalem. Ngezi zihlandlo, bona kunye nabanye abanquli babelibala ngazo zonke izinto abaqhele ukuzenza baze banikele ingqalelo kwizinto zokomoya. Le misitho yayibanika ixesha lokucingisisa nokuthetha ngokulunga kukaYehova noMthetho wakhe. Iindibano zesithili ezizayo ziza kusinika ithuba elifanayo lokukhonza uYehova ngovuyo.

2. Ngawaphi amalungiselelo esimele siwenze ukuze sikwazi ukuya kwiindibano ezizayo?

2 Kufuneka Senze Amalungiselelo: Intsapho yakuloYesu yayihamba umgama oziikhilomitha ezingama-200 ukusuka nokubuyela eNazarete. Nangona singazi ukuba yayingakanani intsapho yakowabo, ngokuqinisekileyo uMariya noYosefu kwakufuneka bazibhokoxe ekwenzeni amalungiselelo olo hambo. Ngaba sele uwenzile amalungiselelo okubakho kuzo zontathu iintsuku zendibano yesithili ezayo? Kusenokufuneka uthathe ikhefu emsebenzini okanye uthethe nomqeshi wakho okanye notitshala womntwana wakho. Ngaba sele ubhalisile ehotele ukuba uza kulala khona? Ngaba unokuthatha inyathelo lokuqala ukuze uncede othile ebandleni ofuna ukunyanyekelwa ngokukhethekileyo ukuze akwazi ukuya kwindibano?—1 Yoh. 3:17, 18.

3. Imisitho yamaSirayeli yayiwanika njani ithuba lokukhuthazana?

3 Unxulumano Olukhuthazayo: Imisitho yamaYuda yayiwanika ithuba lokuba akhuthazane. Alithandabuzeki elokuba intsapho yakuloYesu yayikhangela phambili ekuboneni abahlobo ekudala yabagqibela. Kwakhona yayinandipha ukufumana abahlobo abatsha kweso sihlwele samaYuda nabeentlanga esasikho okanye esasisiya nesasibuya eYerusalem.

4. Sinokubonisa njani ukuba siyaluxabisa umanyano lwamaKristu?

4 Esinye sezizathu zokuba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lenze amalungiselelo okuba siye kuphulaphula iintetho kwiindibano zesithili kunokuba lizishicilele nje emaphepheni kukuba sikwazi ukukhuthazana. (Heb. 10:24, 25) Ngoko ke, zama ukufika kuselithuba endibanweni suku ngalunye ukuze ukwazi ukuncokola nabazalwana ngaphambi kokuba usihlalo wocwangciso athi masihlale phantsi ukuze siphulaphule umculo. Kunokuba siye kuthenga ukutya ngaphandle ngexesha lesidlo sasemini, sikhuthazwa ukuba siziphathele isidlo ukuze sifumane ithuba lokuncokola nabanye. Umanyano lwamaKristu sisipho esivela kuYehova esimele sisixabise.—Mika 2:12.

5. Yintoni eya kusinceda sizuze ngokupheleleyo kucwangciso?

5 Lixesha Lokufunda: Esemncinane, uYesu wayezisebenzisa kakuhle izihlandlo zale misitho ukuze afunde ngoYise osezulwini. (Luka 2:41-49) Yintoni eya kunceda thina neentsapho zethu ukuze sizuze ngokupheleleyo kwiintetho eziza kunikelwa? Xa kuqhubeka ucwangciso, musa ukuzula nokuthetha ngokungeyomfuneko. Kuphephe ukuphazanyiswa okanye ukuphazamisa abanye ngecell phone, ipager okanye nayiphi na enye into. Nikela ingqalelo kwisithethi uze ubhale amanqaku. Hlala kunye nentsapho yakho ukuze uqiniseke ukuba abantwana baphulaphule. Ngorhatya zipheni ixesha lokuxubusha ngeengongoma enizinandiphileyo.

6. Yintoni esifanele sicinge ngayo ngokuphathelele indlela esinxiba nesizilungisa ngayo?

6 Isinxibo Nokuzilungisa: Kwakulula ngabarhwebi abaphuma kwamanye amazwe ukubona intsapho yakuloYesu nabanye abanquli abangamaYuda ababesiya nababevela kule misitho ngenxa yemiphetho esemasondweni ezambatho zabo nomtya oluhlaza emphethweni wesondo. (Num. 15:37-41) Ngoxa amaKristu engenayunifom, saziwa ngokunxiba ngokundilisekileyo nangokucoceka. Sifanele siqiniseke ukuba inkangeleko yethu ifanelekile xa sisiya naxa sibuya kwindibano naxa sikummandla ekuqhutyelwa kuwo indibano. Kwanaxa sitshintsha impahla emva kwendibano, sifanele sinxibe izinto ezindilisekileyo nebheji. Xa sisenza oku, siya kwahluka kubantu abangengomaKristu size sitsale ingqalelo yabo basibukeleyo.

7. Kutheni sifanele sicingisise ngokuba ngamatsha-ntliziyo endibanweni?

7 Kufuneka Amatsha-ntliziyo: Kufuneka abasebenzi abangakumbi ukuze indibano iqhubeke ngokulula. Ngaba unokuzenza ufumaneke? (INdu. 110:3) Ukusebenza ezindibanweni yinxalenye yenkonzo engcwele yaye kunikela ubungqina obucokisekileyo. Umphathi wenye indawo ekwakuqhutyelwa kuyo indibano wayechukumiseke kakhulu ngamatsha-ntliziyo awayecoca loo ndawo kangangokuba wathi: “Ndibamba ngazibini ngento enkulu eniyenzileyo kule ndawo. Bendisoloko ndisiva ukuba amaNgqina kaYehova awafani nabanye abantu, adume ngokushiya indawo ebehlanganisene kuyo icoceke ngaphezu kokuba ebefike injalo. Niye nacocela nabantu basekuhlaleni yaye oku nikwenze neqela labantu ebekulula ukusebenzisana nabo.”

8. Sinokufumana waphi amathuba okushumayela kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano?

8 Amathuba Okushumayela: Abantu abaninzi abakummandla ekuqhutyelwa kuwo indibano baye baphawule abantu abanxibe nabazilungise kakuhle, abanxibe iibheji, baze bafune ukwazi into eyenzekayo, nto leyo esivulela ithuba lokuba sibaxelele ngendibano. Emva kwendibano omnye umntwana oneminyaka emine ubudala waya kwindawo yokutyela ephethe incwadi eyayisandul’ ukukhululwa waza wabonisa iweyitala. Oko kwavula ithuba lokuba abazali balo mfana balimemele endibanweni eli bhinqa.

9. Sinokuyixelisa njani intsapho yakuloYesu ngokuxabisa kwayo ukutya kokomoya ekulungiselelwe nguYehova?

9 Imisitho yamandulo yayizizihlandlo zokuvuya awayekhangela phambili kuzo amaYuda awayefuna ukwazi okungakumbi ngoYehova. (Dut. 16:15) Intsapho yakuloYesu yayikuvuyela ukuncama nantoni na ukuze ikwazi ukuya kuloo misitho ize izuze ngokupheleleyo. Ngokufanayo, nathi siyazixabisa iindibano zethu zesithili, yaye sizijonga njengesipho esivela kuBawo wethu wasezulwini onothando. (Yak. 1:17) Ngoku lixesha lokuba silungiselele esi sihlandlo saminyaka le sokunqula uYehova ngovuyo.

[Ibhokisi ekwiphepha 6, 7]

Izinto Esifanele Sizikhumbule Ngendibano YeSithili

◼ Ixesha Locwangciso: Ucwangciso luza kuqala ngentsimbi yesi-9:00 kusasa zontathu iintsuku. Xa kuqalisa umculo, sonke sifanele siye kuhlala phantsi ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. Ucwangciso luza kuqukumbela ngeye-4:15 emva kwemini ngoLwesihlanu, ngeye-4:30 emva kwemini ngoMgqibelo, kwaye ngeCawa ngeye-3:20 emva kwemini.

◼ Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano ezineendawo zokupaka eziza kwalathiswa sithi, ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Ekubeni indawo yokupaka idla ngokuba ncinane, ukuba kunokwenzeka sebenzisani imoto enye.

◼ Indawo Yokuhlala: Iifomu zeSicelo Ezikhethekileyo Zamagumbi (CO-5) ziyafumaneka kubavakalisi abafuna indawo yokuhlala. IKomiti Yenkonzo Yebandla ifanele ihlole ukufaneleka kwabavakalisi, isebenzisa ulwalathiso oluchazwe kule fomu kunye neleta kaJulayi 15, 2009, eya kuwo onke amaqumrhu abadala. Eli lungiselelo lenzelwe abavakalisi abangumzekelo kunye nabantwana abaziphethe kakuhle.

◼ Ukubeka Izihlalo: Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo endlwini kuphela, kuquka nabo ubafundela iBhayibhile.—1 Kor. 13:5.

◼ Isidlo Sasemini: Sicela niziphathele isidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ebudeni bekhefu lasemini. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki zinokubekwa kwindawo abalindi abacela ukuba zibekwe kuyo. Izitya zeglasi kunye notywala azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.

◼ Iminikelo: Sinokubonisa uxabiso esinalo ngamalungiselelo endibano ngokunikela ngokuzithandela kumsebenzi owenziwa ehlabathini kwiHolo yethu yoBukumkani okanye endibanweni. Ukuba ungathanda ukunikela ngetsheke, cela igama leakhawunti kwiKomiti Yendibano. Oomatshini bokusebenzisa amakhadi baya kufumaneka kwiindibano ezithile kwabo bafuna ukunikela ngekhadi ledebit okanye lecredit. Ukuze ufumanise apho aba matshini bafumaneka khona, sicela uqhagamshelane neKomiti Yendibano.

◼ Iingozi Neengxaki Zesiquphe: Xa umntu egula ngesiquphe endibanweni, nceda uchazele umlindi okufutshane, ibe yena uya kwazisa iSebe Loncedo Lokuqala ukuze ibe ngabantu abaqeqeshiweyo abahlola imeko baze bancede.

◼ Izihlangu: Nyaka ngamnye inani leengozi ezibakhona zibangelwa zizihlangu. Kubalulekile ukukhetha izihlangu ezindilisekileyo, eziya kukulingana kwaye zikwenze uhambe ngokukhuselekileyo kwizinyuko, kwimingxuma engena amanzi, njalo njalo.

◼ Ukurekhoda: Izixhobo zokurekhoda azifanele zixokonyezelwe kumbane wesakhiwo sendibano okanye kwisandisi-lizwi kwaye zinokusetyenziswa ukuba aziyi kuphazamisa abanye abantu.

◼ Iinqwelo Zabantwana Nezihlalo Eziphathwayo: Iinqwelo zabantwana nezihlalo eziphathwayo azifanele zingene eholweni. Noko ke, izihlalo ezenzelwe ukhuseleko lwabantwana ezinokukwazi ukufakwa zize zixokonyezelwe kwisihlalo esisecaleni kwabazali zinokungena.

◼ Iziqholo Ezenza Umntu Anuke Kamnandi: Ezinye iindibano ziqhutywa kwizakhiwo ezivalekileyo apho sixhomekeka kwiifeni ukuze kungene umoya. Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba singazigaleli kakhulu iziqholo ezinamandla nezinokubaxakanisa abo baneengxaki zokuphefumla okanye abanezinye izigulo.—1 Kor. 10:24.

◼ Iifomu Zokubuyela Kwabanomdla: Ifomu ethi Nceda Ubuyele (S-43) ifanele isetyenziswe xa kubhalwa inkcazelo ephathelele abo banomdla ngoxa besishumayela ngokungacwangciswanga ebudeni bendibano. Abavakalisi bafanele baphathe ifomu ibe nye okanye zibe mbini endibanweni. Iifomu ezizalisiweyo zinokusiwa kwiSebe Leencwadi okanye xa ubuyela ebandleni uzinike unobhala webandla lakho.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 2009, iphe. 4.

◼ Iivenkile Zokutyela: Zukisa igama likaYehova ngokuziphatha kakuhle kwiivenkile zokutyela. Kwiindawo ezininzi kuyinto eqhelekileyo ukushiya imadlana esisipho kubasebenzi bevenkile yokutyela emalunga ne-10 ukuya kwi-15 ekhulwini lexabiso laloo nto uyenzelweyo.

◼ Inkonzo Yamatshantliziyo: Uvuyo esiba nalo ngokuya kwiindibano luya kuba lukhulu ngakumbi ukuba siya kuncedisa ekubeni ngamatshantliziyo kuwo nawuphi na umsebenzi okhoyo. (IZe. 20:35) Bonke abo bangathanda ukuncedisa bafanele baye kwiSebe Lenkonzo Lamatshantliziyo endibanweni. Abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-16 ubudala nabo bokuncedisa phantsi kweliso labazali babo okanye lomntu obajongileyo okanye omnye umntu omdala ogunyaziswe ngabo.

◼ Iingoma: Amabandla aya kukuvuyela ukuqhelisela ezi ngoma ziza kuculwa endibanweni kusengaphambili. NgoLwesihlanu: 118, 18, 113, 91, 88, 75. NgoMgqibelo: 92, 85, 60, 65, 69, 48. NgeCawa: 51, 63, 106, 16, 49, 2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share