Indlela Yokuqeqesha Abatsha Bashumayele
1. Wavakalelwa njani xa wawuqala ukuya entsimini?
1 Ngaba usakhumbula xa wawuqala ukuya kwindlu ngendlu? Kusenokwenzeka ukuba wawusoyika. Ukuba wawusebenza nomntu owayekuqhubela isifundo seBhayibhile okanye omnye umvakalisi, ngaphandle kwamathandabuzo wakuvuyela ukuncedwa nguye. Ekubeni ngoku ungumlungiseleli onamava, ukulungele ukunceda abavakalisi abatsha ukuba bakwazi ukushumayela.
2. Yintoni efanele ifundwe ngabavakalisi abatsha?
2 Abavakalisi abatsha kufuneka bafunde indlela yokuqalisa incoko nomninimzi, basebenzise iBhayibhile xa beshumayela, benze amabuyelo, baqalise baze baqhube izifundo zeBhayibhile. Bafanele bafunde nokushumayela ngeendlela ezahlukeneyo, njengokunikela ubungqina esitratweni nokushumayela kwiindawo zamashishini. Unokubanceda baphucule kule nkalo ngomzekelo nangamacebiso akho.
3. Sinokubanceda njani abanye ngomzekelo wethu?
3 Fundisa Ngomzekelo: UYesu wababonisa abafundi bakhe indlela yokushumayela. (Luka 8:1; 1 Pet. 2:21) Xa ulungiselela ukusebenza nomvakalisi omtsha, lungiselela intshumayelo elula anokuyilinganisa loo mvakalisi, mhlawumbi usebenzise enye yeentshumayelo ezikwimpapasho zethu. Emva koko, shumayela kwindlu yokuqala okanye neyesibini ukuze loo mvakalisi aphulaphule oko ukuthethayo. Phakathi kwezo zindlu, unokumcela ukuba achaze oko akuphawuleyo kwintshumayelo yakho. Oku kuya kumnceda abone ukubaluleka kokusebenza nabanye kubulungiseleli kuze kwenze kube lula ngaye ukwamkela nawaphi na amacebiso onokuwanikela emva kokuba enikele intshayelelo yakhe.
4. Sinokumnceda njani umvakalisi omtsha emva kokuphulaphula intshumayelo yakhe?
4 Nikela Amacebiso: Kwakhona uYesu wanika abafundi bakhe imiyalelo yendlela yokushumayela. (Mat. 10:5-14) Unokunceda umvakalisi omtsha ngendlela efanayo. Xa kulithuba lakhe lokuthetha, mphulaphule ngenyameko. Xa nimkile kuloo ndlu, mncome ngokungqalileyo nangokunyaniseka, enoba ubona ezinye iinkalo kwintshayelelo yakhe ezifuna ukuphuculwa. Ngaphambi kokunikela icebiso, usenokujonga ukuba uza kuyiphinda kusini na loo mpazamo kwindlu elandelayo. Mhlawumbi ebesoyika. Khumbula ukuba, abavakalisi abanabuchule obufanayo, yaye kukho iindlela ezahlukeneyo zokwenza izinto.—1 Kor. 12:4-7.
5. Yintoni esinokuyithetha xa sinikela icebiso?
5 Ngamanye amaxesha umvakalisi omtsha uza kucela amacebiso kuwe. Kodwa ukuba akenjinjalo, yiya kuye wena uze umncede. Oku kunokwenziwa njani ngobuchule? Abanye abavakalisi abanamava babuza nje umbuzo olula othi, “Ndingakucebisa?” okanye, “Ucinga ukuba wenze njani?” Kanti unokuthi, “Xa ndandingumvakalisi omtsha, ndanditsala nzima . . . , kodwa nantsi into eyandincedayo. . . . ” Ngamanye amaxesha kuyingenelo ukuqwalasela incwadi ethi Ukuqiqa kunye. Ukuze ungamdidi ingqondo, nikela icebiso kwinkalo enye kuphela yentshumayelo yakhe.
6. Ngokuphathelele ubulungiseleli, ‘intsimbi iyilola njani enye intsimbi’?
6 Intsimbi Ilola Enye Intsimbi: UTimoti, umvangeli onamava, wakhuthazwa nguPawulos ukuba aqhubeke ezibhokoxa kufundisiso yaye enze inkqubela. (1 Tim. 4:13, 15) Nangona kusenokuba kudlule iminyaka emininzi ukususela oko waqalisa ukushumayela, akufanele uyeke ukuphucula ubuchule bakho. Funda kubavakalisi oshumayela nabo, kuquka nabo bangenamava kubulungiseleli, yaye ukulungele ukubanceda, ngokukodwa abavakalisi abatsha, babe ngabalungiseleli abanobuchule beendaba ezilungileyo.—IMize. 27:17.