Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini
Icandelo 3: Fak’ Isandla Ekuncedeni Abanye Benze Inkqubela
1 Ulwalamano olwaluphakathi komzalwana okhulileyo uPawulos netyendyana elizinikeleyo uTimoti belusoloko lukhankanywa njengomzekelo omhle wokuqeqesha abanye kubulungiseleli. (1 Kor. 4:17) UTimoti wayalelwa nguPawulos ukuba adlulisele kwabanye ulwazi noqeqesho olufanayo nolo wayelufumene. (2 Tim. 2:1, 2) Senza kakuhle ukulandela inkqubo efanayo ebandleni namhlanje.
2 Qeqesha Abanye: Kucacile ukuba ku- kho abanye ekusafuneka beqeqeshiwe njengoko inani labavakalisi eMzantsi Afrika liye namhlanje lanochatha ngabantu abanokuba ngama-8000 abangakumbi kunabo babekho kwiminyaka emithathu edluleyo. Ngokunokwenzeka inkoliso yaba inokungenelwa kuqeqesho olunokunikelwa ngabavakalisi abanamava. Omnye udade owayedla ngokuchitha iyure enye okanye ezimbini kuphela ngenyanga kwinkonzo yasentsimini wafunda ukuthetha ngokunempumelelo kwindlu ngendlu xa wancedwa ngumvakalisi onamava. Ukuthandabuza awayenako ngokuba nenxaxheba kubulungiseleli kwaphela, yaye waba ngumvakalisi onenzondelelo weendaba ezilungileyo. Ngoku njengovulindlela onempumelelo, ukhumbula ngeemini zangaphambili aze athi: “Ekuphela kwento endandiyifuna yayikukufundiswa indlela yokuthetha, ndaza ke emva koko ndaqalisa ukubunandipha ubulungiseleli.”
3 Ukuba ungumdala, isicaka solungiselelo, uvulindlela, okanye umvakalisi onamava, unokufak’ isandla njani ekuncedeni abanye benze inkqubela? Inyathelo lokuqala liya kuba kukwazisa umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla okuso ukuba unqwenela ukunceda omnye umvakalisi.
4 Yiba Ngolungeleleneyo Nolungiselele Kakuhle: Kuyanceda ukubeka ixesha eliqinisekileyo lokusebenza kunye. Lowo usebenza naye usenokungakhululeki okanye angazithembi ekuqaleni, kodwa uya kukuvuyela ukuba nomntu osebenza naye ukuze amncede xa kuyimfuneko. (INtshu. 4:9) Ukuba kunokwenzeka, khetha intsimi enabantu ngokuqhelekileyo abakulungeleyo ukuncokola ngeBhayibhile. Oku kuya kumnceda osemtsha ukuba abandakanyeke aze ngaloo ndlela azuze isibindi.
5 Ukuhambisela phambili uqeqesho, kuya kuba luncedo ukuxubusha ngendlela yokwenza utyelelo lokubuyela kwabo babonise umdla. Oko kuquka ukubeka isiseko kwakutyelelo lokuqala ngokumshiya umninimzi nombuzo oya kuphendulwa xa uphinde wabuyela. Qinisekisa ukuba uyamnceda lo mvakalisi ongenamava kangako ukuba alungiselele, uze umpheleke ukuya kwelo buyelo. Ukuba kuye kwaqaliswa isifundo yaye lo mvakalisi osemtsha akakazithembi kakuhle, loo mvakalisi onamava usenokukhetha ukusiqhuba ngokwakhe eso sifundo kangangezihlandlo ezimbalwa de lowo usemtsha afanelekele ukusiqhuba.
6 Ekubeni abasebatsha bethontelana ukungena entlanganweni, ngokucacileyo kubonakala kububulumko ukubaqeqesha ngokunzulu kubulungiseleli basentsimini. Luyafuneka uncedo lwabo baye bakhulisa ubuchule babo bokushumayela. Ukuba unokunceda umntu othile, ekuhambeni kwexesha naye uya “kukulingana ukufundisa nabanye.”—2 Tim. 2:2.