Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Juni 1
“Abantu abaninzi baye bajonge izicangca zeenkwenkwezi ngaphambi kokuba benze izigqibo. Ngaba iinkwenkwezi ziyabuchaphazela ubomi bethu? [Mlinde aphendule.] Okubangel’ umdla kukuba iBhayibhile iyathetha ngamakroza. [Funda eyesi-2 yooKumkani 23:5.] Eli nqaku lichaza imbono yeBhayibhile.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 18.
Vukani! Juni
“Ngokuqhelekileyo iicawa ziyahlawulisa ngokubhaptiza, ukutshatisa nokungcwaba. Ngaba oku kufanelekile? [Mlinde aphendule.] Phawula le miyalelo yanikelwa nguYesu kubafundi bakhe. [Funda uMateyu 10:7, 8b.] Eli nqaku libonisa oko iBhayibhile ikutshoyo ngokuhlawulisa ngemisebenzi yonqulo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 22.
IMboniselo Julayi 1
“Abantu abaninzi bathi uSomandla nguThixo. Ngaba ubusazi ukuba iBhayibhile iyasichazela igama likaThixo? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uIsaya 42:8a.] Eli phephancwadi lichaza isizathu sokuba igama likaThixo lisusiwe kwezinye iinguqulelo zeBhayibhile yaye noko kuthethwa kukwazi igama likaThixo.”
Vukani! Julayi
“Uqoqosho luyabaxhalabisa abantu abaninzi. Abantu abangasebenziyo baxinezelekile, yaye abo basebenzayo baxhalabele ukuphulukana nemisebenzi yabo. Ngaba eli cebiso lingasinceda sinyamezele? [Funda uMateyu 6:34. Emva koko mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lisinika amacebiso asebenzisekayo endlela yokusebenzisa imali kakuhle nokukwazi ukulawula iimvakalelo zethu.”