Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Agasti 1
“Ucinga ukuba yintoni efunekayo ukuze abantu bonwabe? [Mlinde aphendule. Funda uMateyu 5:3.] Le yenye yezinto ezathethwa nguYesu ngolonwabo. Eli nqaku lixubusha ngendlela yokufumana ulonwabo lwenene esiyifundiswa nguYesu.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 16.
Vukani! Agasti
“Namhlanje iimovie ezininzi zibonisa iidemon, abakhafuli, nobugqwirha. Ngaba ucinga ukuba zikho ngokwenene iidemon? [Mlinde aphendule. Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:20.] Eli nqaku lisixelela ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngeedemon nendlela esinokuzikhusela ngayo kuzo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 20.
IMboniselo Septemba 1
Chaza umbandela osematheni ekuthethwa ngawo ezindabeni. Emva koko yithi: “Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba abantu benze izinto ezimasikizi ngolu hlobo? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile isinika isizathu sokuba nethemba. [Funda eyesi-2 kaPetros 3:13.] Eli phephancwadi libonisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngezinto ezibangela ububi nendlela uThixo aya kubuphelisa ngayo ubungendawo kungekudala.”
Vukani! Septemba
“Ucinga ukuba iiselfowuni, amajelo okuncokola kwi-ntanethi, i-imeyili nezinye iindlela zokunxibelelana ezisetyenziswayo namhlanje ziye zabuphelisa ubulolo okanye ziye zafak’ isandla? [Mlinde aphendule.] Nali elinye lamacebiso anokusinceda sikwazi ukuhlangabezana nobulolo. [Funda IZenzo 20:35.] Eli phephancwadi linamacebiso asebenzayo afumaneka eBhayibhileni.”