IBhayibhile—Amandla Ayo Ebomini Bakho
IBhayibhile iye yanceda abantu abazizigidi baguqula ubomi babo baza baphila ubomi obubhetele. Yiyiphi eminye yemigaqo yeBhayibhile enokuthi, xa isetyenziswa, isincede sikwazi ukuhlangabezana neengxaki zale mihla? Ngaphandle kwamathandabuzo uya kukuvuyela ukufumana iimpendulo ngokuqwalasela ividiyo ethi IBhayibhile—Amandla Ayo Ebomini Bakho, eyesibini kwezintathu ezikwiDVD ethi The Bible—A Book of Fact and Prophecy. Emva kokubukela le vidiyo, ngaba unokuphendula le mibuzo?
(1) Kutheni iBhayibhile ingeyoncwadi nje ebhalwe ngendlela egqwesileyo kuphela? (Heb. 4:12) (2) Ukuba iBhayibhile inokunceda abantu baphucule ubomi babo, kutheni abantu beneengxaki kangaka? (3) Uthini umxholo weBhayibhile oyintloko? (4) Ziziphi iindinyana zeBhayibhile ezicatshuliweyo ezinokunceda izibini ezitshatileyo (a) ziphucule unxibelelwano lwazo (b) zilawule umsindo wazo? (5) Imbono yamaKristu ngomtshato ibutshintsha njani ubomi bentsapho bube bhetele? (Efe. 5:28, 29) (6) UYehova uye wabamisela wuphi umzekelo ogqibeleleyo abazali? (Marko 1:9-11) (7) Abazali banokusenza njani isifundo sentsapho sibangel’ umdla? (8) Ngaphandle kokufunda iBhayibhile, iLizwi likaThixo libakhuthaza njani abazali ukuba banyamekele abantwana babo? (9) Isiluleko seBhayibhile sinokuzinceda njani iintsapho zihlangabezane nezoqoqosho? (10) Xa isetyenziswa, nguwuphi umgaqo ongokweZibhalo ophathelele ucoceko, iziyobisi, ukusetyenziswa kakubi kotywala noxinezeleko enokunciphisa ngayo iingxaki zempilo? (11) Ziziphi izithembiso zeBhayibhile ezinokusomeleza? (Yobhi 33:25; INdu. 145:16) (12) Ziye zabuguqula njani ubomi bakho iimfundiso zeBhayibhile? (13) Unokuyisebenzisa njani le vidiyo ukuze uncede abanye?