Ucwangciso Lweveki KaSeptemba 20
IVEKI EQALA NGOSEPTEMBA 20
Ingoma 37 (46)
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
cf isahlu. 10 ¶18-23, nebhokisi ekwiphe. 107
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: 2 Kumkani 19-22
No. 1: 2 Kumkani 20:1-11
No. 2: Kutheni Simele Sibe Nomoya Wobulali? (Mat. 5:5)
No. 3: Umntu Unokumthanda Njani UYehova Ukuba Ukwamele Oyike Yena? (rs iphe. 394 isiqe. 5–iphe. 395 isiqe. 1)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
Ingoma 105 (175)
5 imiz: Izaziso.
10 imiz: Senze Njani Kulo Nyaka Uphelileyo? Intetho enikelwa ngumveleli wenkonzo. Hlola umsebenzi owenziwe libandla kunyaka wenkonzo ophelileyo, unikele ingqalelo kwizinto eziye zaphunyezwa, uze ulincome ibandla. Dlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abaye baba namava abalaseleyo. Chaza izinto ibandla ezifanele zisebenzele kuzo kulo nyaka wenkonzo ulandelayo, uze unikele amacebiso endlela yokuphucula.
10 imiz: “Imiyalelo Yabo Basingatha Iintetho ZeNtlanganiso Yenkonzo.” Intetho enikelwa ngumdala.
10 imiz: Nceda Umntwana Wakho Abe Ngumvakalisi. Ingxubusho esekelwe kwincwadi ethi Ulungelelwano kwiphepha 82. Dlan’ iindlebe nomzali ongumzekelo onomntwana ongumvakalisi ongabhaptizwanga. Umncede njani umntwana wakhe ukuba enze inkqubela aze afaneleke ukuba ngumvakalisi?
Ingoma 41 (157)