“Musa Ukoyika”
1. Luluphi ucelomngeni olufana nolukaYeremiya esinokujamelana nalo?
1 Xa wayeqala ukuba ngumprofeti uYeremiya waziva engafaneleki. Kodwa uYehova wamqinisekisa wathi: “Musa ukoyika,” waza wamomeleza ukuze aphumeze isabelo sakhe. (Yer. 1:6-10) Kumhla wethu, ukuba neentloni okanye ukungazithembi kusenokusiphazamisa. Ukoyika indlela abantu abaya kusabela ngayo okanye abasijonga ngayo kunokusenza sibe madolw’ anzima ngamanye amaxesha. Sinokuloyisa njani olo loyiko, yaye sinokufumana ziphi iintsikelelo?
2. Ukulungiselela kwangaphambili kuya kusinceda njani sidambise uloyiko ngokuphathelele ubulungiseleli?
2 Lungiselela Kwangaphambili: Ukulungiselela kwangaphambili kunokusenza singoyiki kangako. Ngokomzekelo, ukuba siwahlola kusengaphambili amazwi okuthintela incoko, siya kukulungela ukuphendula abantu abachasayo. (IMize. 15:28) Kutheni ningaqheliseli ebudeni boNqulo Lwentsapho ukulungiselela iimeko ezahlukeneyo ezinzima enihlangabezana nazo esikolweni nasentsimini?—1 Pet. 3:15.
3. Ukuthembela ngoYehova kunokusinceda njani singoyiki?
3 Thembela NgoYehova: Ukuthembela ngoThixo kuya kusenza singoyiki. UYehova wasiqinisekisa ukuba uya kusinceda. (Isa. 41:10-13) Esinjani sona isiqinisekiso! Ukongezelela, uYesu wasiqinisekisa ukuba enoba kuvela iimeko esingazilindelanga, umoya oyingcwele kaThixo uya kusinceda sinikel’ ubungqina ngendlela efanelekileyo. (Marko 13:11) Ngoko ke, cela umoya oyingcwele kaYehova rhoqo.—Luka 11:13.
4. Ziziphi iintsikelelo esizifumanayo ngenxa yokuzingisa kubulungiseleli nangona sihlangabezana neengxaki?
4 Iintsikelelo: Njengoko sizingisa kubulungiseleli nangona sihlangabezana neengxaki, siyomelezwa ukuze sijamelane neemvavanyo ngokuphumelelayo. Siba nenkalipho nesibindi—mpawu ezo zifunyanwa ngabantu abanomoya oyingcwele. (IZe. 4:31) Ukongezelela, njengoko uYehova esinceda siyeke ukoyika, someleza ukholo nentembelo yethu kwingalo yakhe esindisayo. (Isa. 33:2) Siyavuya yaye siyaneliseka kukwazi ukuba sikholisa uBawo wethu wasezulwini. (1 Pet. 4:13, 14) Ngoko ke, masingoyiki ukuvakalisa isigidimi seBhayibhile ngesibindi, siqinisekile ukuba uYehova uya kusinceda!