Ungcelele Lwamanqaku Endlela Yokuqalisa Izifundo ZeBhayibhile
1. Luluphi ungcelele lwamanqaku olutsha oluza kuba kwiMboniselo kawonke-wonke, yaye amanqaku alo abhalwe ngayiphi indlela?
1 Ukususela kule nyanga izayo, inkupho yeMboniselo kawonke-wonke iza kuba nongcelele lwamanqaku olutsha oluza kusinceda sikwazi ukuqalisa izifundo zeBhayibhile. Lunomxholo othi “Funda KwiLizwi LikaThixo.” Ngoxa abanye abantu abakwintsimi yethu beya kukuvuyela ukufunda ungcelele ngalunye lwala manqaku, wona abhalwe ngendlela yokuze axutyushwe nabaninimzi.
2. Ziziphi ezinye zezinto eziqukwe kula manqaku?
2 Okuqukwe Kula Manqaku: Umxholo nemixholwana yenziwe yaba yimibuzo kumninimzi xa uxubusha naye. IZibhalo eziyintloko azicatshulwanga koko zikhankanyiwe kusenzelwa ukuba umninimzi afumane ithuba lokuzifunda ngokuthe ngqo eBhayibhileni. Iziqendu zimfutshane kusenzelwa ukuba ukwazi ukuzixubusha usemnyango. Nqaku ngalinye libhekisela kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile kusenzelwa ukuba ukwazi ukuqhuba isifundo usebenzisa yona xa kufanelekile.
3. Xa sishumayela kwindlu ngendlu, sinokulusebenzisa njani olu ngcelele lwamanqaku ukuze siqalise isifundo seBhayibhile ngoxa simi emnyango?
3 Indlela Yokuwasebenzisa: Xa uhambisa la maphephancwadi unokubuza umbuzo obangela umdla oxutyushwa kwelo nqaku. Ngokomzekelo, inkupho kaJanuwari 1 ixubusha ngokubaluleka kweBhayibhile. Usenokuthi: “Ngaba iBhayibhile lilizwi likaThixo okanye yincwadi nje efana nezinye? [Mlinde aphendule.] Ndinento ebangela umdla endifuna ukubonisa yona ngalo mbandela.” Mbonise umbuzo wokuqala, ufunde isiqendu sokuqala nesibhalo esikhankanyiweyo. Phinda ufunde loo mbuzo, uze umcele umninimzi ukuba aphefumle. Ubungakanani bemibuzo oza kuyixubusha naye kuleyo ibonisiweyo buya kuxhomekeka kwiimeko zakhe njengokuba uzibona. Ngaphambi kokuba umshiye malathise kumbuzo olandelayo uze wenze amalungiselelo angqalileyo okubuya niwuxubushe. Buyela kuye ukuze nixubushe ngakumbi ngelo nqaku veki nganye de ukwazi ukuxubusha ngenye inkupho. Enye indlela kukuthetha naye ngokungqalileyo ucele ukumqhubela isifundo seBhayibhile. Yandula ke usebenzise elo phephancwadi umbonise indlela yokusiqhuba.
4. Yiyiphi indlela esinokulusebenzisa ngayo olu ngcelele lwamanqaku xa sisenza amabuyelo?
4 Olu ngcelele lwamanqaku unokulusebenzisa usenza umzila wamaphephancwadi nakumabuyelo. Usenokuthi: “Kukho izinto ezintsha ezikwiMboniselo. Ndicela ukukubonisa indlela yokuyisebenzisa.” Sithandazela ukuba olu ngcelele lwamanqaku lutsha luncede abantu abaninzi ‘bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’—1 Tim. 2:4.