IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/13 iphe. 8
  • Iintshumayelo Onokuzisebenzisa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Iintshayelelo Ezicetyiswayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
km 1/13 iphe. 8

Iintshumayelo Onokuzisebenzisa

Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaFebruwari

“Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ubungendawo obukhoyo ehlabathini bubangelwa nguSathana. Kodwa bazibuza oku: ‘Wayevela phi uSathana? Ngaba wadalwa nguThixo?’ Ucinga ntoni wena? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba ithini le ncwadi.” Mbonise inqaku elingasemva kwiMboniselo kaFebruwari 1 nize nixubushe isiqendu sokuqala kunye nesibhalo esibonisiweyo. Nika umninimzi amaphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.

IMboniselo Februwari 1

“Singathanda ukuva uluvo lwakho ngomntu ohlonelwa kakhulu ngamaKristu, ngamaYuda nangamaSilamsi. Loo mntu nguMoses. Yintoni ethi qatha engqondweni yakho xa usiva igama lakhe? [Mlinde aphendule.] Nangona wayenazo iimpazamo, ibangela umdla indlela iBhayibhile emchaza ngayo uMoses. [Funda iDuteronomi 34:10-12.] Eli phephancwadi lixubusha iimpawu zakhe ezintathu ezintle nendlela esinokumxelisa ngayo.”

Vukani! Februwari

“Kuxhaphakile ukuba kule mihla abanye abantu bafudukele kwamanye amazwe kuba bekhangela amadlelo aluhlaza. Ucinga ukuba basoloko bewafumana? [Mlinde aphendule.] Ukufuduka kwabantu akuqali ukwenzeka. Phawula lo mzekelo ukwincwadi yokuqala yeBhayibhile. [Funda iGenesis 46:5, 6.] Eli phephancwadi lixubusha le mibuzo.” Bonisa umninimzi imibuzo esekupheleni kwephepha 6.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share