Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaFebruwari
“Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ubungendawo obukhoyo ehlabathini bubangelwa nguSathana. Kodwa bazibuza oku: ‘Wayevela phi uSathana? Ngaba wadalwa nguThixo?’ Ucinga ntoni wena? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba ithini le ncwadi.” Mbonise inqaku elingasemva kwiMboniselo kaFebruwari 1 nize nixubushe isiqendu sokuqala kunye nesibhalo esibonisiweyo. Nika umninimzi amaphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.
IMboniselo Februwari 1
“Singathanda ukuva uluvo lwakho ngomntu ohlonelwa kakhulu ngamaKristu, ngamaYuda nangamaSilamsi. Loo mntu nguMoses. Yintoni ethi qatha engqondweni yakho xa usiva igama lakhe? [Mlinde aphendule.] Nangona wayenazo iimpazamo, ibangela umdla indlela iBhayibhile emchaza ngayo uMoses. [Funda iDuteronomi 34:10-12.] Eli phephancwadi lixubusha iimpawu zakhe ezintathu ezintle nendlela esinokumxelisa ngayo.”
Vukani! Februwari
“Kuxhaphakile ukuba kule mihla abanye abantu bafudukele kwamanye amazwe kuba bekhangela amadlelo aluhlaza. Ucinga ukuba basoloko bewafumana? [Mlinde aphendule.] Ukufuduka kwabantu akuqali ukwenzeka. Phawula lo mzekelo ukwincwadi yokuqala yeBhayibhile. [Funda iGenesis 46:5, 6.] Eli phephancwadi lixubusha le mibuzo.” Bonisa umninimzi imibuzo esekupheleni kwephepha 6.