Amaphephancwadi Ethu—Enzelwe Ukutsala Umdla Wabaninzi
1. Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi limxelisa ngayiphi indlela umpostile uPawulos?
1 Kanye njengokuba umpostile uPawulos wayeyitshintshatshintsha indlela ashumayela ngayo ukuze azuze abantu “bazo zonke iintlobo,” ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lisebenzisa amaphephancwadi ethu ukuze lifikelele abantu abaneemvelaphi neenkolelo ezahlukeneyo. (1 Kor. 9:22, 23) Ukuze amaphephancwadi ethu iMboniselo noVukani! atsale umdla wabaninzi, sifanele sibazi abantu abhalelwe bona.
2. UVukani! ubhalelwe ukutsala umdla woobani?
2 UVukani!: Eli phephancwadi libhalelwe ukufikelela uhlobo lwabantu abafanayo nabo umpostile uPawulos wayethetha nabo xa wayebhekisela ‘kumadoda aseAthene.’ (IZe. 17:22) Abo bantu babengazi nto ngobuKristu, yaye bengazazi neZibhalo. Ngokufanayo, abantu obhalelwe bona uVukani! abayazi kangako okanye abayazi kwaukuyazi iBhayibhile. Mhlawumbi kumnyama thsu kubo ngeemfundiso zobuKristu, yaye ngandlel’ ithile abazithembi iicawa, okanye basenokuba abazi ukuba iBhayibhile inemilinganiselo eluncedo. Eyona njongo kaVukani! kukweyisela abantu ekubeni ukho uThixo oyinyaniso. Enye injongo yeli phephancwadi kukunceda abantu babenokholo eBhayibhileni nokubanceda baqonde ukuba amaNgqina kaYehova ahlukile kwezinye iicawa.
3. Ngoobani olubhalelwe bona uhlelo ngalunye lweMboniselo?
3 IMboniselo: Uhlelo lukawonke-wonke lweli phephancwadi lubhalelwe abantu abamhlonelayo uThixo neZibhalo. Bayayazi iBhayibhile kodwa abazichani kakuhle iimfundiso zayo. Bayafana nabantu uPawulos awathi ‘bayamoyika uThixo.’ (IZe. 13:14-16) Lona uhlelo olufundwayo lweMboniselo ngokuyintloko lubhalelwe amaNgqina kaYehova. UPawulos wayekholelwa ukuba abo bafunda iileta zakhe babezazi iZibhalo yaye benolwazi oluchanileyo lwenyaniso. (1 Kor. 1:1, 2) Ngokufanayo ke, amanqaku akuhlelo olufundwayo abhalelwe abantu abaya kwiintlanganiso nabasiqhelileyo isigama neemfundiso zamaNgqina.
4. Kutheni sifanele siyazi kakuhle inkupho nganye yamaphephancwadi esiwahambisa entsimini?
4 Nangona sidla ngokuwahambisa ngaxeshanye omabini la maphephancwadi, liba linye kuphela esilithethelayo. Ngoko ke, zenzele usukelo lokuyazi kakuhle inkupho nganye. Ngoko uya kukwazi ukuthethela iphephancwadi elivumelana naloo mntu umnikayo.