Uhlelo Olutsha Lokufundisa LweMboniselo
ELI phephancwadi ulifundayo luhlelo lokuqala lokufundisa lweMboniselo. Siza kuchaza ezinye iinkalo zendlela entsha elihlelwe ngayo eli phephancwadi.
Uhlelo lokufundisa lwenzelwe amaNgqina kaYehova nezifundo zeBhayibhile eziqhuba kakuhle. Luza kuphuma kube kanye ngenyanga yaye luza kuba namanqaku afundwayo amane okanye amahlanu. Ucwangciso oluchaza la manqaku afundwayo lungaphandle kweli phephancwadi. Ngokungafaniyo nohlelo lukawonke-wonke lweMboniselo, uhlelo lokufundisa alusayi kuba nemifanekiso eyahlukahlukeneyo ngaphandle kwinkupho nganye, ekubeni lungazi kuhanjiswa entsimini.
Kwiphepha 2 leli phephancwadi, kukho ushwankathelo olufutshane noluluncedo gqitha oluphathelele injongo yenqaku ngalinye elifundwayo okanye ungcelele lwamanqaku kwakunye noluhlu lwamanqaku awongezelelekileyo. Abaqhubi beSifundo seMboniselo baya kuyifumanisa iluncedo le nkalo njengoko belungiselela ingxubusho eyakhayo yala manqaku ebandleni.
Uya kuphawula ukuba amanqaku afundwayo mafutshane kunokuba ebenjalo ngaphambili. Loo nto ibangela ukuba kubekho ixesha elingakumbi lokuhlolisisa izibhalo eziyintloko kwiSifundo seMboniselo. Sikhuthaza ukuba nifunde zonke izibhalo ezicatshulweyo veki nganye. Kwezinye izibhalo ezicatshulweyo kubhalwe “funda” ecaleni kwazo yaye zifanele zifundwe zize zixutyushwe kwiSifundo seMboniselo. Kunokufundwa nezinye izibhalo ezilapha ukuba ixesha liyavuma. Kwamanye amanqaku kukho izibhalo ekubhalwe “thelekisa” ecaleni kwazo. Ekubeni ezo zibhalo zingazivelisi ngokungqalileyo iingongoma eziziintloko esiqendwini, bezidla ngokungafundwa ebudeni bale ntlanganiso. Sekunjalo, izibhalo ekubhalwe “thelekisa” ecaleni kwazo ziba nenkcazelo eyongezelelekileyo ebangel’ umdla, okanye zixhase ingongoma ekuthethwa ngayo ngokungangqalanga. Sikhuthaza ukuba nizifunde xa nilungiselela iSifundo seMboniselo. Mhlawumbi ninokubhekisela kuzo xa nigqabaza.
Ingxelo yonyaka ayisayi kuphinda ivele kwiMboniselo. Ukususela ngowama-2008, iza kuba sisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani, ivele nakwiNcwadi Yonyaka. Noko ke, njengoko kubonisiwe ngasentla, uhlelo lokufundisa lunamanqaku awongezelelekileyo. Nangona uninzi lwawo lungasayi kuxutyushwa ebandleni, sikhuthaza ukuba niwafundisise. Nawo akukutya kokomoya okuvela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mat. 24:45-47.
Okokugqibela, uhlelo lokufundisa nolukawonke-wonke lweMboniselo, alungomaphephancwadi mabini ahlukileyo. Omabini ayiMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Kwiphepha 2 aneziqendu ezifanayo ezichaza injongo yeMboniselo. Aza kufakwa omabini kumqulu wonyaka. Yaye imibandela ephuma kuwo omabini iza kuba kwinqaku elithi “Ngaba Uyakhumbula?,” eliza kupapashwa kuhlelo lokufundisa.
Ukususela ngowe-1879, ukutyhubela amaxesha eemfazwe, ubunzima kwezoqoqosho nentshutshiso, IMboniselo iye yayivakalisa ngokuthembeka inyaniso ephathelele uBukumkani bukaThixo. Sithandazela ukuba uYehova ayisikelele ukuze iqhubeke isenjenjalo nakule ndlela intsha ihlelwe ngayo. Yaye sithandazela ukuba uYehova akusikelele nawe mfundi, njengoko ulisebenzisa kakuhle olu hlelo lutsha lokufundisa lweMboniselo.