UYehova Usiqeqeshela Lo Msebenzi
1. Xa uYehova enika abantu isabelo, yintoni enye ayenzayo?
1 Xa uYehova enika abantu isabelo, ubachazela nendlela yokusiphumeza. Ngokomzekelo, xa wayalela uNowa ukuba akhe umkhombe, into angazange wayenza uNowa ngaphambili, wamxelela nendlela awayeza kuwakha ngayo. (Gen. 6:14-16) Xa uYehova wathuma umalusi olulamileyo uMoses ukuba aye kuthetha namadoda amakhulu akwaSirayeli kunye noFaro, wamqinisekisa wathi: “Ndoba nomlomo wakho ndize ndikufundise oko uya kukuthetha.” (Eks. 4:12) UYehova usichazele nendlela yokuphumeza umsebenzi asinike wona wokushumayela. Usebenzisa iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo neNtlanganiso Yenkonzo ukusiqeqeshela lo msebenzi. Yintoni esinokuyenza ukuze sizuze kolu qeqesho?
2. Yintoni esinokuyenza ukuze sizuze kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo?
2 ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo: Funda umbandela okucwangciso ngaphambi kokuya ezintlanganisweni. Njengoko ubona indlela abafundi abazinikela ngayo iintetho zabo, ubuchule bakho bokufundisa buya kukhula. (IMize. 27:17) Phatha incwadi yakho yeSikolo Sobulungiseleli kwiintlanganiso. Xa umqhubi wesikolo ethetha ngeengongoma ezithile zayo emva kwentetho nganye yomfundi, phawula iingongoma ofuna ukuzisebenzisa, uze ubhale amanqaku kudini lwayo. Noko ke, eyona nto inokukunceda uzuze kwesi sikolo kukuba nenxaxheba. Ngaba ubhalisile? Xa ufumana isabelo sentetho, yilungiselele kakuhle uze usebenzise isiluleko osinikwayo. Xa usentsimini, sebenzisa oko ukufundileyo.
3. Yintoni eya kusinceda singenelwe kwiNtlanganiso Yenkonzo?
3 INtlanganiso Yenkonzo: Kuya kuba lula ukukhumbula amacebiso akule ntlanganiso ukuba silungiselela kwangaphambili size sizimisele ukuphendula. Xa emafutshane amagqabaza ethu, baba baninzi abafumana ithuba lokuphendula. Nikel’ ingqalelo kwimiboniso, uze uyisebenzise ukuphucula ubulungiseleli bakho. Gcina amanqaku akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani onokuwasebenzisa entsimini.
4. Kutheni sifanele silusebenzise kakuhle uqeqesho oluvela kuThixo?
4 Njengezabelo ezanikwa uNowa noMoses, isabelo sethu sokushumayela iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke silucelomngeni. (Mat. 24:14) Sinokuphumelela ukuba sithembela ngoYehova, uMyaleli wethu Ozukileyo, size silusebenzise kakuhle uqeqesho asinika lona.—Isa. 30:20.