Ucwangciso Lweveki KaSeptemba 26
IVEKI EQALA NGOSEPTEMBA 26
Ingoma 101 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
bt isahlu. 10 ¶1-9, ibhokisi ekwiphe. 79 (25 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: INdumiso 142-150 (10 imiz.)
No. 1: INdumiso 144:1–145:4 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Ngaba UBukumkani BukaThixo Baqalisa Ukulawula Ngenkulungwane Yokuqala?—rs iphe. 91 ¶6-iphe. 92¶2 (5 imiz.)
No. 3: Kutheni Sifanele Sikuphephe Ukuba ‘Nomkhethe’?—Yak. 2:1-4 (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
10 imiz: Izaziso. Xubusha umxholo othi “Enye Indlela Yokusebenzisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Isigidimi SeBhayibhile.” Usebenzisa intshayelelo ekwiphepha 4, bonisa indlela esinokuqaliswa ngayo isifundo ngoMgqibelo kaOktobha 1. Bakhuthaze bonke ukuba babe nenxaxheba.
10 imiz: Ibhokisi Yemibuzo. Ingxubusho. Quka amagqabaza akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 2005, iphepha 4.
15 imiz: Lungiselela Ukuhambisa Amaphephancwadi Ngo-Oktobha. Ingxubusho. Ngomzuzu omnye okanye emibini bonisa amanqaku anokubangela umdla entsimini yenu. Usebenzisa inqaku elinye ngexesha, bonisa indlela amabini okanye amathathu kuwo anokusetyenziswa ngayo entsimini. Oku kwenze ngokucela abaphulaphuli bacebise ngombuzo onokubangela umdla kumninimzi nangombhalo onokufundwa. Ekubeni uVukani! kaOktobha ekhethekile, cela abaphulaphuli bagqabaze ngohlobo lwabantu abanokuba nomdla kweli phephancwadi nendlela esinokulihambisa ngokubanzi ngayo. Bonisa indlela elinokuhanjiswa ngayo iphephancwadi ngalinye.
Ingoma 41 Nomthandazo