Indlela Efanelekileyo Yokudlala Iingoma ZoBukumkani
Abakhonzi bakaThixo bawugqala umculo njengesipho esihle esivela kuYehova. (Yak. 1:17) Amabandla amaninzi aya kunandipha ukudlalela phantsi iingoma zoBukumkani ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Ukudlala umculo wobuthixo yindlela ehlaziyayo yokusamkela kwiintlanganiso. Inceda ingqondo ilungele ukunqula. Ukongezelela, ukudlala amaculo amatsha kusinceda siwaqhele size sikwazi ukuwacula. Xa kudlalwa lo mculo emva kweentlanganiso, oko kukhuthaza unxulumano olwakhayo. Ngoko ke, iqumrhu labadala limele lenze amalungiselelo okuba kudlalwe umculo okwiCD ethi Culela UYehova—Ipiyano ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Limele liqiniseke ukuba umculo awungxoli de abazalwana bangakwazi ukuncokola.