Shumayela “Kubantu Bazo Zonke Iintlobo”
1. Abavakalisi beendaba ezilungileyo bafana njani nabachweli abanobuchule?
1 Umchweli onobuchule usebenzisa izixhobo ezininzi ibe uyazi ukuba ufanele asisebenzise nini yaye njani isixhobo ngasinye. Nathi sinezixhobo ezahlukeneyo zokusinceda siphumeze umsebenzi wethu njengabavakalisi beendaba ezilungileyo. Ngokomzekelo, kuye kwashicilelwa iincwadana ezinemifanekiso ezininzi nezithetha ngemibandela eyahlukeneyo ukuze zisincede sishumayele “kubantu bazo zonke iintlobo.” (1 Kor. 9:22) Isihlomelo esi kobu Bulungiseleli Bethu BoBukumkani sidwelise ezi ncwadana,sicacisa ukuba zibhalelwe bani, size sibonise amacebiso weendlela esinokuzihambisa ngayo.
2. Sinokuzisebenzisa nini iincwadana xa sikubulungiseleli?
2 Sizisebenzisa Nini Iincwadana: Umchweli usisebenzisa xa sifuneka isixhobo. Ngokufanayo, umntu simnika incwadana nanini na xa sibona ukuba iza kumnceda, kungekuphela nje xa kuyinyanga ekuhanjiswa yona entsimini. Ngokomzekelo, ukuba kuhanjiswa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile sibe sishumayela kumhlaba apho abantu bengengomaKristu yaye bengenamdla kangako eBhayibhileni, bekuya kuba bhetele ukuhambisa incwadana efanele imeko yabo size sibanike incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile xa sele benomdla.
3. Kutheni simele sibe nobuchule bokusebenzisa izixhobo zethu zokushumayela?
3 IZibhalo ziyabancoma abo bawenza ngobuchule umsebenzi wabo. (IMiz. 22:29) Ngokuqinisekileyo, namhlanje awukho umsebenzi obaluleke ngaphezu ‘komsebenzi ongcwele weendaba ezilungileyo.’ (Rom. 15:16) Ukuze sibe ‘ngabasebenzi abangenazintloni nganto,’ siya kuzama ukuba nobuchule bokusebenzisa izixhobo zethu.—2 Tim. 2:15.